‘Ndifuna ukuqhuba inqwelomoya’

Umfanekiso wabafundi begaxele iflegi yoMzantsi Afrika Umfanekiso: GCIS
NGABAFUNDI abangaphezu kwamakhulu amabini abathathe inxaxheba befunxa ulwazinzulu malunga nemingxilo yokuphangela abanokuyilandela emva kwebanga leshumi eThornhill ngaseWhittlesea.

Amasebe karhulumente aquka eleMisebenzi yoLuntu, elezoLimo, uLobo namaHlathi, isebe lokusiNgqongileyo neearhente zakwamasipala eziquka iChris Hani Development Agency, zithathe imini yonke zivula amehlo aba bafundi. 

UAmahle Manyingiza wesikolo iInyathi eThornhill, uthi unqwenela ukuqhuba inqwelomoya ngenye imini,  esenza imbali egameni lephondo leMpuma Koloni. 

“Ndiyayazi ukuba mnye umntu omnyama walapha eMpuma Koloni oqhuba inqwelomoya, mna ndifuna ukubangowesibini,” utsho uManyingiza.

USiziphiwe Madinga wesikolo samabanga aPhakamileyo Ikhwezi – uthi kuninzi abangakwaziyo ngamathuba akhoyo emva kokugqiba ibanga leshumi.

“Lo nto uyibona kwaba sele bephumelele ibanga leshumi, badinga kakhulu emva kokuphumelela, uxakwe ukuba aphi la mathuba sixelelwa ngawo ngoku, makwenziwe imisitho enje emininzi, nokuba kukabini ngonyaka,” uthethe watsho.

UHosai Maibelo weEastern Cape Parks and Tourism Agency uthi amathuba akhona koko kufuneka kuphuculwe iindlela ezisetyenziswayo xa kusaziswa abafundi.
“Sineendawo zokugcina izilwanyana ezingamashumi amabini ananye kwiMpuma Koloni phantsi kwale arhente, siyancedisana nabafundi ngeendlela ezahlukeneyo, sibanika amathuba okufunda besebenza apha kuthi, sibanika amathuba okuqala umsebenzi ngokwethutyana xa begqiba ibanga leshumi, sikwanazo neemali zokufunda esibancedisa ngazo,” utshilo.
UThembakazi Gqoba weChris Hani Development Agency uthi luxanduva lwabo ukuvula amathuba kubafundi nolutsha ngokubanzi. 

“Sijikeleza apha kwisithili sixhobisa abafundi ngolwazi lokuba bathathe izigqibo ezizizo emva kokuphumelela ibanga leshumi,” utshilo uGqoba. 

Uthi ngenyanga yoKwindla bebesenza le nkqubo kwiilali ezingqonge idolophu yaseHewu ngeenjongo zokunceda kwa abafundi. 

“Uye ufumanise ukuba abayazi nokuba sinezibonelelo zokufunda kula maziko ethu ngenxa yokuba nathi asiphumi size kubo sithethe ngezi zinto. Eli lithuba esiye sabambisana ngalo ngenjongo zokubanceda,” utsho uGqoba.