USangqu ufuna ukuba nguGqirha

Siyamzukisa Zubenathi Sangqu exhagwe ngumama wakhe uNolindile Sangqu nenqununu yaseJ.S. Skenjana Senior Secondary School, uNomawabo Sangqu, emva kwetheko eMonti

USiyamzukisa Zubenathi Sangqu uthi ufuna ukwenza izifundo zobugqirha ngokuba ufuna ukuphakamisa ikhaya lakhe.

USiyamzukisa waseNgxakaxha, obefunda eJ.S. Skenjana Senior Secondary School, uyibeke endaweni entle iDutywa emva kokuba ngomnye wabafundi abaphumelele kakuhle kakhulu eMpuma Koloni ezuze u76.5% kuGrade 12 ngo2019, into ebiqala ukwenzeka ukusukela ngo1994.

Abafundi beMatriki bonyaka ophelileyo baqhwatyelwe izandla ziinkokheli zikaRhulumente zephondo emva kokuvelisa iziphumo ezihle. Emva kokupasa kwakhe, uSiyamzukisa, 17, uthi wonwabe kakhulu kwaye ujonge ukuyokwenza izifundo zobugqirha eUniversity of Cape Town kulo nyaka.

“Ndivuya kakhulu. Yinto leyo endayinqwenela ndisemncinane. Bendizimisele ezifundweni zam ngokuba ndingumntu ofuna ukuphakamisa ikhaya lam. Ndazixelela zisuka kunyaka ophelileyo ukuba nam ndifuna ukuba lapha. Ndazixelela nam ukuba mandizibonakalise ukuba ndiyakwazi ukwenza into omnye umntu akwaziyo ukuyenza. Akekho nzima uGrade 12. Into ebalulekileyo kukuzimisela komntu ezifundweni zakhe, angazixakekisi ngezinye izinto. Xa uzimisele futhi uzithembile, uyakwazi ukuphumelela,” utshilo uSiyamzukisa.

Le ndodana yaseNgxakaxha iphumelele izinto ezintathu emagqabini kwezo zisixhenxe ibizenza kunyaka ophelileyo. Ngoku iza kuzinza kwelaseNtshona Koloni apho izimisele ukuqhubela phambili khona nezifundo ide ifumane imfundo enomsila.

“Ndijonge ukuya kwiYunivesithi yaseKapa; ndifuna ukwenza izifundo zobugqirha. Yinto ekwakukudala ndiyinqwenela leyo,” uvale ngaloo mazwi uZubenathi ethetha neli phephandaba.

Umama wakhe, uNolindile Sangqu, ebechulumance kakhulu.

“Ndonwabile ngoba kwenzeke into ebendiyinqwenela. Ingase azimisele ngaphezulu kokuba ebezimisele apho aya khona. Ndiza kuhlala ndimkhuthaza ukuze angaziboni njengomntu ongenako ukuphumelela ebomini bakhe.

“Sichulumance kakhulu futhi sibulela koPhezulu emva komsebenzi omhle kangaka. Besiyilindele into ayenzileyo uSiyamzukisa ngoba le nto wayiqala esekwaGrade 10. Ungumntwana othobekileyo, othuleyo nokuthandayo ukufunda. Ndifuna ukuthi kuye: Impumelelo iyasetyenzelwa. Aze akhethe iincwadi kuneetshomi,” itshilo inqununu, uNkzs. uNomawabo Sangqu.