Usapho lukaPasile: ‘Besakwamkela nasiphi na isigwebo’

USAPHO lukaAlutha Pasile luthi iseyintlungu nakubo into eyathi yenziwa ngunyana wabo kusapho lakwaMtebeni, lwatsho lusithi lucela ukuba abantu baqonde ukuba abazange bamthume uPasile ukuba abulale isinqandamathe sakhe uNosicelo Mtebeni.

UPasile, oneminyaka eyi-25, ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) yiNkundla ePhakamileyo yaseMonti kwiveki ephelileyo mayelana netyala lokubulala uMtebeni. Inkundla ikwamgwebe iminyaka elishumi ngokuzama ukuphazamisana nengalo yomthetho, kodwa yayalela ukuba ezi zigwebo zihambe ngaxeshanye, into ethetha ukuba uPasile uza kudontsa isigwebo seminyaka engamashumi amabini anesihlanu.

Oku kuza emva kwesihelegu somzimba kaMtebeni owafunyanwa esuthikheyisini amalungu wakhe enqunqiwe eQuigney eMonti kweyeThupha.

Alutha Pasile UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Kwiveki ephelileyo uPasile uxelele inkundla ukuba uyaxolisa ngesenzo awasenza kuMtebeni. UPasile ukwaxolise nakuluntu loMzantsi Afrika malunga noku.

Enkundleni igqwetha lombuso likaPasile, uNcumisa Dyantyi, udakance ukuzisola kukaPasile wacela inkundla ukuba imgwebe iminyaka engamashumi amabini (20), logama umtshutshisi, uNickie Turner, echaze uPasile njengomntu osilele ekuthabatheni uxanduva lwesenzo sakhe.

Kule veki, umakazi kaPasile uNokuku Dube, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba usapho nalo luxhelekile malunga noku.

“Siyavuya kuba umthetho udlale indima yawo, kuba kaloku xa ungumzali awumthumi umntwana. Kubuhlungu macala, kwaMtebeni nalapha ekhayeni kuthi. Asikhange siyilindele into enje, kuba kaloku uAlutha ngumntwana othulileyo, ohloniphayo.

“Le nto ithetha ukuba asoze umazi umntwana. Ungamkhulisa nje kodwa asoze uzazi izinto azicingayo, kodwa akuphoxe. Nokuba ebenikwe esiphi isigwebo, thina besiza kusamkela,” utshilo uDube.