Usithathile iSmart ID sakho eGcuwa?

Izazisi ezingamawaka amabini anamakhulu amathathu ananye ( 2 301) eziluhlobo lwesiSmart Card ziyadinga azinabantu bokuzithatha kwii-ofisi zesebe lemicimbi yasekhaya eGcuwa, emva kokuba abo babefake izicelo zazo bengakwazi ukuzozithatha kunangoku, njengoko sele kudlule iinyanga ezingaphezulu kwezimbini.

Oku kuvezwe nguMphathiswa wesebe lemicimbi yezasekhaya kuzwelonke uMalusi Gigaba xeshikweni ebevula le ofisi ngokusesikweni izolo.

UMphathiswa uGigaba uthe wahlaba ikhwelo kuluntu ukuba luze ngaphambili uzokuthatha ezi zazisi ziluhlobo lwesmart card, kwaye uthi emva kwexesha zizakutshatyalaliswa ukuba akuveli mntu.

“Ukuba akukho mntu uzayo uzokuthatha ezi Smart Card, emva kweenyanga ezintandathu sakuzibuyisela ePitoli apho zenziwa khona ze emva kweenyanga ezilishumi elinesibini sizitshabalalise,” uqhube watsho

Zingamashumi amathandathu izazisi eziluhlobo lwe-Identity Document (60) ezingekalandwa nazo ngabanikazi bazo kwii-ofisi zeli sebe eGcuwa.

“Nakubeni sitshintshela kule nkqubo intsha yeSmart Card, kodwa ndiyacela abantu mabazithathe izazisi zabo kuba nazo zenziwe ngemali,” utshilo uGigaba

UMphathiswa uGigaba uthi oko kwasungulwa le nkqubo yeSmart Card eMzantsi Afrika, akukho siganeko sabuqhetseba sakhe sabikwa njengoko kwakufudula kukho iziganeko ezithile ezingamkelekanga.

Ukhuthaze nabasetyhini ukuba babhalise abantwana babo ngoko nangoko xa besando- beleka ukwazi zikhawuleze iziqinisekiso zokuzalwa kwabo.

Ukanti umphathiswa uGigaba ukhe watyelela neKumkani yamaXhosa jikelele, uZwelonke Sigcawu eNqadu kuGatyane, apho ebezakundlana iindlebe kunye nabo bahlala kweli loMzantsi Afrika kodwa bephuma kwamanye amazwe ase-Afrika.

UKumkani uZwelonke Sigcawu uthi khange kubekho nomnye ummi wangaphandle kule ndibano yakhe nomphathiswa uGigaba ukuze badlulise izikhalazo zabo abasoloko bekhala ngazo kuye.

“Njengokuba beqhele ukhala abemmi bangaphandle abakulo mmdla malunga nomcimbi wezazisi, khange kubekho nomnye namhlanje xeshikweni ndibambe indibano nomphathiswa,” uqhube watsho.

USigcawu. UGigaba uthi ngo-Agasti kulo nyaka bazakuvuselela ii-ofisi zabo eziseDutywa, kuba uKumkani uSigcawu uthe badiga iinkonzo zesebe abantu bakhona.