USodolophu uncede amahlwempu enkunkuma

Umfanekiso wabo baphila ngokuchola enkunkumeni edolophini eDutywa Umfanekiso: Mbhashe LM

Emva kokuba uSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda ehlutshwe kukusoloko ebona abo baphila kalusizi kwindawo yokulahla inkunkuma ngakwidolophu yaseDutywa, lo Sodolophu ungenelele ngeenzame zokutshintsha iimpilo zaba bantu.

UMasipala ubambisene nombutho i-Institution for Rural and Community Development (IRCD), banike ithuba abantu abalishumi elinesithandathu abe bethathwa enkunkumeni, ekwindlela esuka eDutywa isiya eAuckland, ithuba lokuqeqeshwa ngezakhono zokulima.

“Qho ndidlula ngendlela ndibabona aba bantu beguqile bevumbulula etipini bendiye ndivakalelwe. Ngosuku olunye ndagqiba ekubeni ndimise ndincokole nabo ndive oyena nobangela kwanezizathu zokusoloko beguqe kule nkunkuma.

Kulapho ndaye ndafumanisa ukuba singurhulumente kufuneka singenelele ukuqinisekisa ukuba amaphupha abo ayafezekiseka.

“Ngoku sikwiphulo lokuba sibancede babhalise iprojekthi eza kuthi ibe yeyabo yokuvuselela izinto ezindala, zitshintshwe ziphinde zibe ntsha,” utshilo uJanda.

Olu luntu kulindeleke ukuba luvelise ukutya ngokwalo kumakhaya alo.

Isithethi kumasipala waseMbhashe uNcebakazi Kolwane, uthi uqeqesho belubanjwe kwiveki ephelileyo kwaye injongo ikukuxhobisa olu luntu ngezakhono zolimo.

Uthi baye bafundiswa ukuba balime kumavili kwaye besebenzisa amakhoba amaqanda ukubonisa ukuba nezinto ezindala ziyajika zibe lulutho.

Olu luntu beluboniswa ukuba ukusebenzisa umhlaba kungathi kutshintshe iimpilo zalo kwaye kubekwe nokutya etafileni kumakhaya wabo. Bebekwaboniswa nendlela eyiyo yokuziphilela njengoko ibingabantu abahlelelekileyo.

Lo masipala ulandela kwikhwelo lokuphawula ukugqiba ikhulu leminyaka kukaTat’ uNelson Mandela kwakunye noMam’ uAlbertina Sisulu – abathi badlala indima enkulu kweli loMzantsi Afrika ngexesha lobunzima.