Usodolophu waseAlfred Nzo ugxeke oonondaba

KUZAKUQINISWA ubudlelwane noonondaba kwaye kuqinisekiswe ukuba uluntu luyinxalenye karhulumente kwisithili saseAlfred Nzo. Oku kuvakele kwintetho kasodolophu wesithili uSixolile Mehlomakhulu ngexesha eqaphela iintsuku ezilikhulu exhuzula imikhala kulo masipala ngoLwesibini eMaxesibeni.

Usodolophu ebegxeka kabukhali ukusilela koonondaba ukupapasha iindaba ezibalulekileyo nezichaphazela impilo yoluntu jikelele. Ebejongise kwindlela udabi lokuthwaxwa sisichotho esikhatshwa yinkanyamba eluthe lapapashwa ngayo. “Xa iziganeko ezikhulu oluhlobo zenzeke koomaGoli kuphela iveki oonondaba bebika iingxelo kodwa kwezizithili zethu khange kube njalo. Nangona siwenzile unakonako ukunikeza uncedo kumaxhoba oonondaba bethu ababonakalisanga mdla ngokwaneleyo.”

Kubalulekile ukuba sibenobudlelwane obububo kuba nangona sinalo unxibelelwano lwethu noluntu alunakubanempumelelo ngaphandle kwenu,” utshilo uMehlomakhulu.

Ukwaqinisekise ukuba oosomashishini basekuhlaleni bazakunikwa ingqwalasela ukususela kunyaka ozayo. Uthe oku kusemva kwendibano ebinkulu noosomashishini kweyoMsintsi nalapho kuthwe kwavakaliswa ukuba umasipala akenzi ngokwaneleyo ukuxhasa aba somashishini. UMehlomakhulu wandule wacacisa indima esele eyihambile kwiintsuku zakhe zokuqala njengosodolophu ekhankanya ukubeka phambili imfundo nalapho kuthe kwathandazelwa abafundi bebanga leshumi. Wazikhankanya neenkqubo eziliqela aziphehleleleyo equka iphulo uMasinyange, ubholo lamanzi iNtibane exabise izigidi ezinga-R114.4 nenkqubo yolimo.

Ukwathe umasipala wakhe ubeka phambili ulutsha kuba lulo ikamva lwesizwe nelinoxanduva lokudlala indima kwindawo eluhlala kuzo. Kanti nophuhliso lwamaphandle uthe ngundoqo kwaye uzakuqhuba ekhuthaza abantu ukuba lubhinqe omfutshane luncedise ekuphuculeni iingingqi zabo.

Uthe: “Sifuna nibe yinxalenye yotshintsho abalufunayo, xa sibambisene sinako ukulenza.” Uluntu luwonwabele la mazwi ze lamncoma lo kaMehlomakhulu.

UWellington Mpiti uthe: “Siyayibona imisebenzi kasodolophu kwaye amazwi akhe ayasonelisa. Ngenene thina kuNonkgolokotho amanzi sesiwafumene, amatanki neetephu zimile elalini.

Umbhatali werhafu uLungie Mantshule uthe lukhulu utshintho eselwenzile uMehlomakhulu kwezi ntsuku kuba izikhalazo ezaziphakanyiswe kuye zalungiswa kwamsinya kwaye uyakwazi ukuthethana noluntu alukhokeleyo. Uthe Mehlomakhulu ngumntu wophuhliso.