Usondele umhla wokuphela kwamanzi eKapa

EKAPA:

USONDEZIWE ngeeveki ezimbini umhla wokuphela kwamanzi apho kuyakuvalwa zonke iimpompo eNtshona Koloni nanjengoko kusanda ukusetyenziswa kwamanzi ngezi nyanga zehlobo.

Lo mhla ubizwa ngo “Day Zero” uyakufika mhla amadami anamanzi angange 13.5%. Bekuqikelelwa ukuba le mini ingafika ngomhla we13 kwekaCanzibe kunyaka ozayo kodwa ngoku ilindeleke ngomhla we29 kuTshazimpuzi.

Isixeko saseKapa sithi ehlile amanzi emadamini nge 1.1%. Kungokunje ame ku33% kwaye ukusetyenziswa kwamanzi kwande ngeelitha eziyi 640 million ngosuku.

UZara Nicholson, isithethi sikaSodolophu waseKapa uPatricia de Lille, uthi yi34% yabahlali kuphela abonga amanzi.

Kungoku nje isixeko sizakuthabatha amanyathelo angqongqo sifakele izixhobo eziyi-40 000 ezizakulawula ukusetyenziswa kwamanzi kwabo banenkcitho okanye bamosha amanzi ukususela kweyoMqungu kunyaka ozayo.

Isixeko sizakuza kuphumeza uLevel 6 wolawu lwamanzi ngomhla wokuqala kweyoMqungu apho zonke izindlu ezisebenzisa amanzi angaphaya kweekhilolitha eziyi 10.5 ngenyanga zizakufakelwa ezi zixhobo.

Isixeko sele sifake izixhobo eziyi 21 000 ezilawula ukusetyenziswa kwamanzi kwabo banenkcitho kwaye sithi sizakuqhubekeka.

“Ukuba kuyenyuka ukusetyenziswa kwamanzi, kunye nokwanda komoya oshushu owandisa amathuba okunqongophala kokuguquka kwamafu abengamanzi, uDay Zero singamlindela ngomhla we 18 kweyoKwindla. Lo nto ithethe ukuthi silinde into eyoyikisayo,” utshilo umlawuli we-Water and Sanitation uPeter Flowers.

“Abakwindawo ezisemgangathweni ngabo abasebenzisa amanzi kakhulu. Ukuba singathoba izinga lokusetyenziswa kwamanzi liyokutsho kwiilitha eziyi 500 million ngosuku, singamnqanda uDay Zero,” utshilo.

UFlorence Nogaga onegadi yemifuno ePhilippi uthi kuyamxhalabisa oku kuphela kwamanzi kulindelekileyo kuba uzakuphelelwa sisonka sakhe.

“Mna ndiphila ngokulima ze ndithengisele abahlali ukuze nditye kwaye ndithumele nemali kumama eMpuma Koloni. Andisalimi njengakuqala oko kwathi kwabhengezwa ukunqongophala kwamanzi. Kunamaxesha endingavumelekanga ukuba mandinkcenkceshele kuba ndisonga amanzi. Kwaye andisafumani la mali ndandiyenza ngenyanga. Ndandiyizuza ne R10 000 kodwa ngoku kunzima ukufikelela kwakwi R5 000,” utshilo.

ULuvo Xhapheni ophila ngokuhlamba iimoto uthi oko kwafakelwa isixhobo sokulawula ukusetyenziswa kwamanzi kowabo uyasokola.

“Ndihambe ndithenga amanzi ngoku. Lo nto iyandichana kuba sibaninzi kweli shishini, ngoko akukho siqinisekiso sokuba amanzi owathengileyo azakusebenza kuba awuyazi zingaphi iimoto ezizakufika,” utshilo.