Usuku lokuqokelela inkunkuma

Ngalo Mgqibelo umhla weshumi elinesihlanu niyamenywa ukuba niphakame niyokuqokelela inkunkuma kwiindawo enihlala kuzo.

Lusuku lococeko lukazwelonke. AbakwaShoprite phantsi kwenkqubo yabo yeAct For Change bakube beqokelela kwezi ndawo eMpuma Koloni: EBhayi, Govan Mbeki Road nakwibala lokuzonwabisa eMotherwell, kwiShoprite Centre yonke KwaNobuhle, Mkwenkwe Street, emva kweThe Centre eBethelsdorp, Norman Middleton Street eAliwal North, ngaseBridge Gate Centre neOrange River eMdantsane City naphambi kwaseNkqubela Hospital eMdantsane Highway, eNgcobo, eHigh Street eGcuwa, Mthatha Road eMqanduli, Main Street eKorsten, Cotterall Street eBedford, Donkin Street eWhittlsea, Shepstone Street eQueenstown, Komani Street eMonti, Eastern Beach naseVincent kwakunye naseHemingways Mall.

Ukuba useKapa okanye ngaphandle kweMpuma Koloni ungakhangela indawo ekufuphi nawe kumnatha wonxibelelwano ngokuchwetheza * -www.actforchange.africa – ufake igama ledolophu, ilali okanye ilokishi yakho ukuze kuvele indawo ekuqokelelwa kuyo ngoMgqibelo.