UTee Tee ufinyeza imikhono kwikhono lakhe

Thokozani TEE TEE Fekade

EMVA kokuphumelela kukhuphiswano iBattle of Municipalities (BOM) kwiminyaka emithathu egqithileyo, uThokozani Fekade akazange alale mqokozweni, koko wafinyeza imikhono yakhe, ukuze aphucule ikhono lakhe.

UFekade, okhupha ingoma yakhe entsha, waphumelela isixa-mali se-R50 000 kwakunye nethuba lokushicilela umculo wakhe kukhuphiswano olwalubanjwe nguMasipala waseBuffalo City.

Ngoku, uFekade, ukhupha ingoma ayibiza ‘Nonzwakazi’ nekulindeleke iphume kwinyanga ezayo.

“Yingoma esondeleyo entliziyweni yam, yingoma ebalisa ibali lokubetheka kwezothando,” uFekade, ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

Eli tyendyana laseNkqonkqweni ngaseQonce, nelifumene inkuthazo emandla ngokumamela umculo weemvumi ezifana noVusi Nova, Nathi Mankayi neAfrotraction, lithi kusekude apho lisingise khona.

“Oku kukuzilolonga nokuzilungiselela icwecwe elipheleleyo neliza kuphuma kungekudala.”

UFekade ucula umculo wohlobo lweSoul, kwaye umdla kolu hlobo lomculo wawubonakalisa nakukhuphiswano lwe-BOM.

“Ndandicula enye yeengoma zikaZahara. Abagwebi, abaquka uTat’ uSizwe Zako, bandithanda ndaze ndaphumelela.”

UFekade, nosel’ esaziwa njengo-Tee Tee kwiqonga lomculo, sele ethabathe inxaxheba nakwiClash of the Choirs ngethuba esengumfundi eRustenberg.

Ingoma yakhe, uNonzwakazi, uyishicilele eBigArm Productions encedwa sisandla sikaLunga Ngalonkulu.

Uthi ngale ngoma ukhuthaza abo bathandanayo ukuba bathandane ngokwenene endaweni yokukrunana iintliziyo.

“Makungabikho xesha lokugcina iimfihlo nelokudlalana, koko makuvulwe izifuba, elowo anyaniseke komnye,” kucebisa uTee Tee.

Iyafumaneka kumaqonga omnatha okuthenga iingoma!