UTete ufuna intshinga yehlabathi

Ibiyintswahla yengoma kwisikhululo seenqwelomoya saseMonti ngenjikalanga yayizolo ngethuba kusamkelwa intshatsheli yeIBF International kwiBantamweight, uZolani “Last Born” Tete.

UTete wamkelwe njengeqhawe ngethuba efika kwesi sikhululo emva kokukhusela intshinga yakhe xa ebengqengqisa uVictor Ruiz kumjikelo wesixhenxe, eLiverpool eNgilane ngoMgqibelo.

Umama kaZolani, uNomonde Tete uthi ebelele esibhedlele phantse yonke le veki iphelileyo kodwa uzixelele ukuba akakwazi ukungabikho xa kubuya unyana wakhe.

“Kuviwe ngesikhalo sam ngoMgqibelo emva kokuba ephumelele. Ndivuyiswa ngamandla kaThixo kuba ndisoloko ndimyaleza xa ezakuphuma esiya kwimilo engaphandle.

Naye ndiyamxelela ukuba makawabize amagama amathathu (elikaYise, elikaNyana noMoya oyiNgcwele) phambi kokuba angene eqongeni lokulwa,” utshilo uNomonde.

“Iyandonwabisa into yokuba ahlale ephumelela kuba naye imnika amandla okuqhubekeka. Bendilele esibhedlele ndiyaqala ukuphakama ebhedini, kodwa bendithandazela ukuba xa ebuyayo afike ndikhona,” utshilo uNomonde.

Ukanti uTete yena uthi uyayibulela inkxaso ayifumanayo kweli loMzantsi Afrika..

“Kuyanyanzeleka ukuba ndiphumelele ngenxa yenkxaso endiyifumanayo, ndonwabe kakhulu. Ngoku ndifuna intshinga yeWBC, kwaye ndiqinisekile ukuba izakuvela,” utshilo uTete.