Uvavanyo: 2016 Jaguar XE 20d R-Sport

KwaJaguar babekade besakha iimoto ezinjengeeX-Type neS-Type ezilingana (umzekelo) nee-3-Series/C-Class nee-5-Series/E-Class, kodwa ngenxa yezinga yolwakhiwo, ezo moto zaphela zikhuphisana nezinye ezikumgangatho ongaphantsi.

Kule minyaka ingephi, abakwaJaguar batsolise ulwakhiwo lweemoto zabo, ukuze bahlasele nge-XF kwimarike edlala ii-Audi A6, Mercedes-Benz E-Class, njl-njl. Sitsho neJaguar XJ ikhona ijongise izikhali kwii-BMW 7-Series nhee-Mercedes-Benz S-Class.

Kulo nyaka udlulileyo, abakwa-Jaguar babumbe i-XE bayizisa apha e-Mzantsi ukuze ikhuphisane nee-3-Series/A4/C-Class. Ayintle yemhaa! Itsalisa amehlo, futhi inesidima mpela.

I-Jaguar XE ifumaneka ngeenjini ezintathu, i-2.0 litre 132kW ye-dizili, i-2.0 litre 177kW ye-petroli nhe-3.0 litre 250kW.

Le yedizili iza ngezinxibo ezine, i-Pure, i-Prestige, i-Portfolio nhe-R-Sport. Umancane we-petroli (abathi yi-”25t”) iza iyi-Prestige, Portfolio okanye i-R-Sport. I-3.0 litre ifumaneka ngesinxibo se-S kuphela.

Zonke ii-XE zitsala ngamavili angemva, ukuze inike le moto ukuvakala ngathi yeyomqhubi obabaziweyo. I-BMW 3-Series singathi iyalingana ne-XE ngokuvakala mnandi kwiimpondo zokuqhuba. Iphinde i-XE iyelelane ne-C-Class ukubamtofo. Benze umsebenzi oncomekayo mpela abakwa-Jaguar kulwakhiwo lwale-XE.

Kwiveki yovavanyo sifumene i-XE 20d R-Sport. Esi sinxibo siyenza i-XE ibukeke i-sporty ngathi ilungele ukuhlafuna amagophe, futhi yenza lo nto kanye xa uyibambe ngesixhanti uyifake edrayini ngesantya.

Ixuba ukubambelela nokuzinza endleleni nokuba mtofo ngendlela emangalisayo. Sikhe sayilahlela kwiindlela zeentaba emaphandleni e-Somerset West nase-Swellendam, sabuya sanelisekile kukuziphatha kwayo ngaphantsi konyawo olunzima emcepheni, futhi ibuye inganxaphanga ingenazikhalazo.

Ungasese uzicingela ke ukuba imizekelo ye-177kw ne-250kW ze-petroli zingabhetele kangakanani xa unokuthelekisa nale njini yedizili ene-132kW kuphela.

Phofu laa 420Nm kweyedizili iyayidlala indima yayo. Kodwa okusalayo, esa-sport suspension siphicothwe kakuhle kakhulu.

Kuninzi okwenza le-XE ibelula ukuphila nayo. Kukho i-Hill Launch Assist, injini iyazicimela idume ngokwayo xa umane usima erobhothini.

Xa uyiphangile, ine-Torque Vectoring by Braking ekuncedisa ukulungisa imoto xa uthatha igophe utyibilika, kune-Dynamic Stability and Traction Control.

I-8-inch Colour Touchscreen ilula ukulawula i-climate control, i-SatNav, unxulumanisa nonomyayi wakho nokungxolisa i-Jaguar Sound System engumanqam.

Okungasoze kudike umniniyo lela qhosha lokuyidumisa elidanyazayo ngathi kukubetha kwentliziyo, nela gqudu lokulawula i-gearbox elivela ngaphantsi liphinde litshone xa uyidumisa okanye xa uyicima injini. Zonke iimoto zakwa-Jaguar zinje ngoku.

Ingathi sithengiwe, andithi? Kodwa hayi, sinazo izikhalazo. Isithuba semilenze ngemva nasebhuthini sinqongophele kunezo ikhuphisana nazo kweli nqanaba. Nexabiso alincumisi tuu.

Kaloku iimoto zakwa-Jaguar zakhiwe e-Ngilane, ngoko ke imeko yezorhwebo yenza ukuba ithi xa ifika ngapha e-Mzantsi iye idure mpela xa uyithelekisa noogxa bayo base-Jamani. Izokubetheka apho ke i-XE. Ukuba ibixabisa ngokulinganayo okanye ngokuyeleleneyo, besingakhetha le Jaguar XE okokoko.

Sithanda: Icwalile ivakala ntofo-ntofo, kumnandi ukuyiqhuba iyatsho endleleni, intle ngaphakathi ayifani nezo ikhuphisana nazo zase-Jamani, irhabula ithontsi ngobunene, ubude bexesha nomgama phakathi kwee-service.

Asithandi: Asikwazi ukusika iphiko ngolwa bumbo lwamacango ngaphakathi, isithuba ngasemva asanelanga xa uhamba umgama omde ungumntu omdala, ayiyontando yakwa-Jaguar ziimeko ezibuthatharha zorhwebo kodwa ithande ukubaduru.

Ixabiso:

Jaguar XE 20d Pure – R593 100

Jaguar XE 20d Prestige – R651 100

Jaguar XE 20d Portfolio – R721 900

Jaguar XE 20d R-Sport – R677 100

Jaguar XE 25t Prestige – R704 500

Jaguar XE 25t Portfolio – R775 500

Jaguar XE 25t R-Sport – R730 700

Jaguar XE 30t S – R1 012 600

Silandele ku-Twitter naku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.