Uvavanyo:

Njengesiqhelo abakhi bee-SUV ezakhiwa phezulu kwamathambo ee-bakkie, babengahoyanga ukubukeka kwee-SUV zabo.

Babeqhele ukujonga ukulunga nje kwazo ukuba zikwazi ukusebenza, zikwazi ukuthutha abantu, futhi ziqhubeke njengee-bakkie zikwazi ukuxova udaka ziqabele iintaba ngokuthembeka.

Zisazenza ezo bezikade zizenza, kodwa kula malanga xa ujonga i-Ford Everest entsha, uyabona ukuba ngoku abakhi basibumbela ii-SUV ezibukekayo noko. Futhi sekufakwa nobuchwephesha obuqheleke kwiimoto ezilolunye uhlobo.

I-Ford Everest le ikolu vavanyo ayisafani tu nale yakudala. Ivili ebelisemqolo kule yakudala liqoshelwe ngaphantsi kwebhuthi. Kwisinxibo se-”Limited” izibane zasebusuku zangaphambili zeze-LED.

Eza zitulo zesithandathu nesixhenxe ezisemva zisongwa zivuswe ngokucofa amaqhosha phaya ngasemva. Caba akufunwa ukusokoliswa oomama, isininzi esingabo abazokusebenzisa i-Everest ukuthutha abantwana bengingqi ibasa esikolweni nasemidlalweni ngempela-veki. Nocango olu lwangemva uyacofa nje iqhosha lizonyukele okanye luzivalele.

Zonke izitulo zogqunywe ngofele, ezi zangaphambili zilawulwa ngombane ngeendlela ezisibhozo, futhi ziyashushubezeka. Iduma lefestile lithatha uphahla lonke (panoramic).

Kwezokhuseleko nokwenza ukulawula i-Ford Everest lula, luninzi olufakiweyo kwezobuchwephesha. Sithetha nge-infotainment system ebonisa umfanekiso wasemva xa udeda, incediswa nangezandi ezalathisa xa usondela edongeni okanye kwenye imoto.

Kufumaneka ne-Lane Keep Assist enceda ikugcine emgceni xa mhlambi uye wangayihoyi indlela. I-Forward Collision Alert system ikwalathisa xa usondela kwimoto ephambi kwakho ngesantya esiphezulu, uva ngesandi kuphinde kukhanye bomvu apha phambi kwakho kwifestile.

Kukho nesalathiso saxa kukho imoto ecaleni kwakho, ungatshintshi umgca ungabonanga ingozi ecaleni kwakho. I-cruise control iyakwazi ukubona imoto ephambi kwakho ithobe isantya ngokwayo i-Everest xa ungade unyathele izibambi.

I-Everest ixhobe ngala njini ifumaneka kumanqam e-Ford Ranger, i-3.2 litre 5-cylinder enamandla angange-147kW nomtsalane we-470Nm.

Asazi nokuba kungoba isinda kune-Ranger, kodwa apha kule-Everest le njini ingxola kodwa ingayi ndawo, ngathi iyasindwa ngumzimba wale moto. Sikhe sayiqabelisa iindonga emaphandleni e-Somerset West, kwacaca ukuba apha ngaphantsi isalungele ukusebenza ilenge emaweni njengebhokhwe, ngoku ifakele amavili alungele uhola wendlela, hayi la mavili okufathula axove udaka.

Ngoku abanye abakhi besehlisa ubukhulu beenjini ezisetyenziswayo, kwa-Ford basaqine apha kwi-3.2 litre, ngoko ke isayirhabula idizili ngokungabi nambeko. Ngale veki yovavanyo, sifumene ukurhabula okungange-11.4lt/100km. Kaloku kula malanga xa urhabula ngaphaya kwe-10lt/100km iyahlebisa lo nto.

Inkulu i-Everest, soze ungayidedeli xa uyibona isondela isiya isibabankulu, igcwalisa izipili zakho zokujonga ngemva. Nokuyipaka ke akululanga. Ngentlahla ke kodwa abakwa-Ford bayifakele i-Parallel Park Assist ukwenza izinto lula. Isithuba ngaphakathi sivulekile, abakhweli bobasixhenxe abanokhalazela nto.

Besivavanya i-Ford Everest yesinxibo se-”Limited” ke, ngoko zikhona ezithile izinto ezingazokufumaneka kwisinxibo se-”XLT”. Asiliginyi lula kodwa ixabiso lale-SUV.

Iulungele umsebenzi, kodwa asikho baninzi abathanda ukungcolisa iimoto zethu ngokuzifohla kumadami nasedleleni yegrabile. Ngoko ke kukho ii-SUV ezixabisa ngeneno kune-Everest , umzekelo i-Kia Sorento okanye i-Hyundai Santa-Fe, ezinowenza umsebenzi omnye okanye ngcono endleleni eyenziweyo.

Sithanda: Uyilo lwayo ngaphandle, ubungcaphephe obufumaneka ngaphakathi, eza zitulo zangemva ezisongwa ngombane, ivakala mtofo kunakuqala endleleni.

Asithandi: Iyarhabula mpela ngoku iyidizili, iduru.

Amaxabiso:

Ford Everest 3.2 XLT – R634 900

Ford Everest 3.2 Limited – R698 900

Service Plan – Iminyaka eyi-5 / 100 000 km

Warranty – Iminyaka eyi-4 / 120 000 km

Silandele ku-Twitter naku-Instagram ku-@ilisolezwe okanye ulandele intatheli ku-@doughZAR.