UVavi kwiphulo ‘lokukhulula’ abasebenzi

Abanakuze bakhululeke abasebenzi beli lizwe kusaphethe lo rhulumente.

La ngamanye amazwi avakaliswe kwintlanganiso yabasebenzi bakarhulumente phantsi kombutho obizwa ngokuba yiSouth African Liberated Public Sector Union nebibanjelwe kwiholo iLillian Ngoyi kwilokishi yaKwaZakhele eBhayi kule mpelaveki siyishiyayo.

Le yintlanganiso yokuqala yalo mbutho ebanjelwe esidlangalaleni kulo mmandla waseBhayi emva kokusekwa kwayo ngonyaka ka2014 nebizinyaswe ziinkokeli zesizwe umongameli uThobile Ntola noZwelinzima Vavi umququzeleli

Ethetha kulo msitho uNtola uthe uMzantsi Afrika uzibona usengxakini enkulu ngenxa yokutyeshelwa kweenjongo zomzabalazo esithi eli lizwe lalwelwa ngabantu ababe- neenjongo “eziphilileyo” zokukhulula abantu abantsundu.

“Masibaqhwabele izandla ooMandela, ooTambo nooBarayi ngendima abayidlalayo kwidabi lomzabalazo, abo bathabatha iintambo emva kwabo bazilahla iinjongo nezixhobo abazinikwayo ngalo madoda, iANC ayiseyiyo leya yashiywa nguTambo. I-SACP ayiseyiyo leya ka Hani neCOSATU ayiseyiyo leya kaBarayi,” utshilo uNtola.

UNtola uthe urhulumente kaZuma usile kwaye uyadelela, esithi makuliwe, abasebenzi bazibambe zithi ngxi iilokishi besenza imigushuzo ezitalatweni babange imivuzo engcono.

“Ukuba abafundi beeyunivesithi bayakwazi ukumisa, sakuthini singabasebenzi ukuba singakwazi,” utshilo uNtola.

OkaVavi yena uthe abantu baseMzantsi Afrika bazibona bekwimeko abangazange bayicinge yokuchithwa kwamathemba namaphupha ababenawo phambi kwenkululeko esithi abakhululekanga njengoko bacinga ukuba kunjalo.

“IiGupta zafika zingenanto, kodwa ngoku imali ithi tata kuzo isinda iipokotho ngenxa yokutshomana nomongameli,” kutsho uVavi.