Uvimba wemibongo

Utyakatyekile phezu kwegade, Ukuphumla uyakufumana ndakulala obanaphakade ubuthongo, Ukuthunukala kwakho konakalis’ingqondo yam, Ukonakala kwengqondo yam kuphazamis’intliziyo yam, Ukuphazamiseka kwentliziyo yam kone umphefumlo wam, Ukonakala komphefumlo wam kovuye umoya wam, Ndithi thula moya uzole awunatyala.

Xola moya wam uziphe ukuphumla, Zola uthule uthi tuu, Zinike umtyhi noxolo, Babathathile bonke abasondele kum, Bazithathile zonke izinto eziligugu kum, Baboxuthile bonke abasentliziyweni yam, Bandiphica bandithathela zonke izinto ezinexabiso kum, Khala moya wam ubuye uzithulise.

Zenzekile izinto abantu bebukele, Kundehlele okundehleleyo izizwe zindakhel’umkhanyo, Udano nonxunguphalo belukhona, Ithemba lam elinguMdali nalo belikho, USathana wafika ngoburhalarhume wakonakalisa, Xola moya wam emhlabeni akukho ukuphumla.

Uncumo oluyekeyeke olukhatshwa zinyembezi zosizi, Inyembezi zosizi ezikhatshwa yintlungu, Intlungu ekhatshwa sisingqukru, Isingqukru esihamba nesingqala, Zingqamana ngaxeshanye kuwo lo moya, Inxeba elisemhlana awunokwazi ukuliphulula, Thula moya wam zabele uxolo.

Ndondla isizwe ngelizwi lam, Ndixolis’ intliziyo ngosiba lwam, Ndithuthuzel’abanyembezana ngamagama wam, Ndithulis’a bamimoy’ iphantsi ngezandla zam, Ndiphakamisa imimoya ephantsi ngephimbo lam, Ndonwabis’ abadangelelyo ngomsebenzi wam, Kodwa owam umoya awunakuphakanyiswa nayimpunde.

Usizi lo moya ophantsi libonwa nanguthathatha, Ingxaki yokonakala komoya ibonwa nayimveku, Umoya odangeleyo ubonwa nasisaphuselane, Ndizothi xola moya ayilolizwe lamabhetyebhetye eli, Kufuneka umoya onamandla kaEliya waseBhayibhileni, Xola moya wam uziphe ukuphumla, Libuhlungu inxeba elingaphakathi kuba alibethwa moya, Kungako ndithi khala moya wam ubuye uzithulise.