Uyabulala umgada!

ngxelo yeSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle kuzwelonke iqinisekisa ukuba isifo somgada sibulele umntu omnye kwiphondo laseKZN.

Le ngxelo ithi ziziganeko ezingamashumi amathathu anesithathu ezichaziweyo zokosulelwa kwezilwanyana sisifo somgada.

ISebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle libambisene neBhunga elijongene neMpilo yeziLwanyana, iSouth African Veterinary Council libongoza uluntu nabafuyi ngokubanzi ukuba bazikhusele ngeli xesha. Ngokwale ngxelo, esi sifo sibulele inkwenkwana eminyaka elishumi kwiphondo laseKZN ukusukela oko sithe sabonakala.

Umgada sisifo esithi sihlasele zonke izilwanyana ezanyisayo kwaye sosulela uluntu ngokukhawuleza, ngendlela elula. Usekela Mongameli weSouth African Veterinary Council, uGqirha uNomsa Mnisi, uthi ukubulawa kwabantu ngumgada akwamkelekanga.

“Ukuva ukuba umntu ubulewe ngumgada yinto edanisayo kakhulu kuba esi sifo siyathinteleka ngokugonywa kwezilwanyana ekhayeni elo linezilwanyana,” kutsho uGqirha Mnisi.

Uhambisa athi uluntu ngokukodwa abanikazi bezilwanyana ezifana nezinja banoxanduva lokuqinisekisa ukhuseleko kwesi sifo. “Ngokomthetho weAnimal Diseases Act, luxanduva lwabafuyi bezilwanyana ukuqinisekisa ukuba izilwanyana ezifana nezinja zigonyiwe ukukhusela ukosulelwa sesi sifo somgada,” kutsho uMnisi.

Ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yoMsintsi kulo nyaka kuza kube kukhunjulwa umhla wokulwa isifo somgada kwihlabathi, uMzantsi Afrika uyinxalenye yoko, itsho ingxelo.

“Isifo somgada sihlasela izilwanyana zasekhaya ezifana nezinja kwanezo zihlala endle ezinjengoodyakalashe nezinye ezonyiselela ngemibele,” utsho uMnisi.