Uyangcwatywa umakoti obulewe ngezityholo zesikhwele

Ungcwatywa kulo Mgqibelo umakoti obulewe yindoda yakhe ngezityholo zesikhwele kwilali yakuMpuku, eChizele, eDutywa.

UZanele Nkothobe (26) ubulewe ngokungenalusini emva kokuhlatywa etyalashwa ngumyeni wakhe uYanga Shenxane (28), kwisehlo esenzeke ngomhla wesibini kule nyanga.

Ngokwengxelo ephuma kumhlali wale ndawo, kuvakala ukuba lo makoti ubhubhe emva kokurhanelwa ukuba uyakrexeza, nto leyo lo mhlali athi akukho bungqina kuyo.

“Eyona nto imhlabele yona inkosikazi yayo le ndoda kungokuba uqhathwe ngabantu ukuba unkosikazi wayo uyakrexeza engakhange ambhaqe. Abantwana babo bathathu. Into embi kukuba omnye umntwana ebekhona ejongile ngethuba ebulawa unina nguyise, ze akugqiba waya kwelinye igumbi ebelilele ababini apho kuthwa ufike wabaxelela ukuba ‘ndimbulele umama wenu anisoze niphinde nimbone’. Imbi into ayenzileyo,” kutho lo mhlali.

Iingxelo zikwathi ixhoba lithathiwe lusapho luzayokungcwatyelwa eXhorha apho lizalwa khona kwaye nabantwana bathathiwe. UShenxane ubevelile phambi kwenkundla yamatyala eDutywa ngomhla wesine.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha uthi uShenxane ushiyeke ngaphakathi eziseleni. Uthi ityala lakhe limiselwe ingomso umhla weshumi elinanye ezinkundleni eDutywa.

UMkomishinala wamapolisa ephondo leMpuma Koloni uNjengele Liziwe Ntshinga usikhalimele kwakhona esi senzo esithi esamkelekanga ingakumbi kule nyanga sikuyo yamanina.