Uyangcwatywa uNandipha, umzimba awuphelelanga

INTLUNGU ngokufunyanwa kwesidumbu sikaNandipha Mtuzula, kukuba usapho luza kungcwaba lungayazi ukuba uphi umzimba, kulandela ukufunyanwa kwentloko neengalo kuphela ngamapolisa.

Isidumbu sikaMtuzula (19), obefunda kwisikolo samabanga aphezulu iCunningham eToleni eGcuwa, sifunyenwe kwingcwaba elingephi kufutshane nehlathi eliseToleni kufutshane naseCunningham.

Amapolisa afumana intloko neengalo kuphela, kwaye umrhanelwa obanjiweyo kweli tyala oneminyaka engamashumi amathathu (30), uthi akawazi umzimba kaMtuzula ukuba kwenzeka ntoni kuwo nanjengoko yena wawungcwaba kwelo ngcwaba lingephi. Kwindawo yexhwayelo, amapolisa afumana izihlangu, intloko neengalo zikwelo ngcwaba lingephi.

Umrhanelwa uye wavela kwinkundla kamantyi waseGcuwa. Ityala lakhe lakuqhuba kwakhona ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga.

UMtuzula, oshiya ngasemva umntwana oyinkwenkwe ononyaka, waduka ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga ephelileyo, wakhangelwa akabonwa.

Akangomfundi wokuqala waseCunningham wokubhubha ngohlobo olumasikizi.

Kunyaka ophelileyo ngenyanga kaCanzibe, uSiphosethu Waphi (16) wafunyanwa ebhubhile kwakwelihlathi emva kokuduka iiveki engabonwa.

UMtuzula uzakungcwatywa ngoMgqibelo, umhla wamashumi amabini anesine kule nyanga, kwikhaya lakhe eNgobozi eGcuwa.