Uyothulele umnqwazi impumelelo yebanga leshumi uMabuyane

InkuluBAPHATHISWA yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane uzothulele umnqwazi izikolo zabafundi abaphila nokukhubazeka emva kokuba abafundi bezi zikolo befumene impumelelo elikhulu leepesenti.

UMabuyane uthi le mpumelelo ziziqhamo zokudityaniswa kwabafundi abakhubazekileyo kwiinkqubo zesebe leMfundo kweli phondo. Uthethe wathi:

“Eyona nto indonwabisa nangakumbi kukunyuka kwenani labafundi abalungele ukungena eyunivesithi ngo9.6 weepesenti. Akukho namnye kweli lizwe onokundiphikisa xa ndisithi siliphondo eliqhubela phambili.”

UMabuyane ukwathe kuyamvuyisa ukuba akukho nasinye isikolo esizuze iqanda kwiziphumo zebanga leshumi. Yi20 419 yabafundi bebanga leshumi abaphumelele ngokulungele ukungena eyunivesithi, besuka ku18 001 kwiziphumo zika2018.

Ukanti i17 816 ikulungele ukungena kwiiyunivesithi zeteknoloji. Uhamba phambili uMasipala waseBhayi nge3139 yabafundi abazuze impumelelo yokungena eyunivesithi.

Uncome ootitshala, abafundi nabazali ngokuzinikela ekuzuzweni kwale mpumelelo.

“Ndifuna ukwenza ilizwi lombulelo kootitshala abenza ngaphezu kokuba bekulindelwe ngeliqinisekisa ukuba abantwana bethu bafumana imfundo efanelekileyo. Ezi ziqhamo sizibona apha ziziphumo zeeyure enizichithe kumagumbi okufundisa.

Aba bafundi bagqwesileyo sinabo apha ngebengayizuzanga le mpumelelo ngaphandle kwenu. Ukufundisa ayingomsebenzi nje, lubizo,” utshilo uMabuyane.

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uncome izikolo zabahlelelekileyo ngokuphakamisa iikawusi. UGade uthe: “Siya kwixesha apho kungazubaluleka ukuba ufunde kwesiphi isikolo.”

Ukwathe iMpuma Koloni iyankqonkqoza kumaphondo azuze ngaphaya kwamashumi asibhozo eepesenti.