Uza kutshisa ibhayi uGudlabatshakazi

Ibiyimibhiyozo nje eMthatha kule mpelaveki, kuvuyiswana noMonwabisi “Gudlabatshakazi” Bangi ophumelele kukhuphiswano ebelubanjwe nguMhlobo Wenene FM lokuzingela umsasazi oya kuthi avale isikhewu esishiywe ngongasekhoyo uSaba Mbixane.

UGuldla uqhumisele ngothuli isihlanu sabagqatswa ebebotshwe nabo waphala phambili ngeevoti ezingaphezu kwekhulu lamawaka (134 000). Uthiwe jize ngeli wonga kumsitho obe ubanjelwe kwibala lezemidlalo eMount Frere ngoMgqibelo. “Ndivuya kakhulu ukuzuza le nyhweba yokuxhuzula imikhala kwiinkqubo ebezifudula zibhexeshwa ngongasekhoyo uSaba kaMbixane,” utshilo exelelela I’solezwe lesiXhosa.

UGudla uthi ukuphumelela eli wonga kuthetha ukuba xa ukholose ngethemba amaphupha ayafezeka. “ Xa uyenza into uzingisile, uthembile, impumelelo ayikunqabeli, amaphupha ayafezeka,” utshilo.

Uwenza mkhulu umbulelo wakhe kwabo bathe bamvotela bambeka apho akhoyo namhlanje, “ Inene ndiyababulela bonke abantu abathe bandidudula bendivotela ukuze namhla ndibe ndikule ndawo ndikuyo,” utshilo. “ Inga inkosi ingabasikelela, kuba bekunganyanzelekanga ukuba bandivotele kodwa babone kufanelekile. Inene ndiyababulela abo bantu.”

Uthi njengokuba esesihlalweni seenkqubo uLavuthibhayi noSiwel’uThukela abaphulaphuli maze balindele ingququ ethile kwindlela ebezifudula zingayo,” Ndineenjongo zokuphuhlisa umculo weemvumi zalapha eMpuma Koloni, ngokuthi ndidlale umculo wazo ubukhulu becala,” utshilo. Wangeza ngelithi neembasa uMhlobo Wenene akholise ukuziwola minyaka le iiSATMA uza kwenza ngomqolo wakhe wonke ukuba angaphulukani nazo, “Ndifuna ukuchanckatha ekhondweni likaMbixane, singuMhlobo Wenene FM siqhubeke nokuziwungula iiSATMA minyaka le,” utshilo.

Akazilibali uGudla iimfundiso awazizuza kuMbixane ngethuba lokudla kwakhe amazimba, “Kowu! Ndinjenjenje namhlanje kungenxa katat’uSaba Mbixane. Wandolula imibimbi kwicala losasazo, ndaguda de ndaba ndingulo gudla ndinguye namhlanje,” utshilo.

“Ndichithe iminyaka eliqela ndithe nca kuye ndincanca amava ekufikelele ithuba lokuba ndiwasebenzise namhlanje ndichankcathe ekhonweni lakhe.”

Kusenjalo uGudla kulindeleke ukuba abe kwigqiza eliza kuthabatha uhambo olusingise eMelika ngokuququzelelwa ziimbasa iiSATMA.