Uzwilakhe wonyana ubulele uyise!

Abahlali belali yakuChwebe eXhorha bathi unyana oneshumi elinesixhenxe ubudala, ohlabe wabulala uyise wakhe kuba esuke wabeka isali kwigumbi lakhe, umthetho wakhe uhleli engumntu “onguzwilakhe kowabo ofuna kuviwe ngaye.”

Ingxelo ithi umtyholwa wahlaba uyise ngemela kumzimba ongentla emva kokubeka isali egumbini lakhe kwintsasa yangoLwesine kwiveki ephelileyo.

Utata womrhanelwa uMorris Mcuku onamashumi amahlanu anesihlanu wabhubhela kwindlela eya esibhedlele eMadwaleni.

Umtyholwa kuthwa ungumntu obesoloko enyanzelisa ekhayeni efuna kuviwe ngaye.

Ngaphambili kuthwa wanyanzelisa utata wakhe efuna ukoluka ngenkani, waphela esoluka.

Uceba kaWadi 20 eMbhashe, uShepston Stwayi, uthi sibothusile esi sehlo.

“Aba bantu bancinci bobabini bebesenekamva elihle ebomini. Into yokulala kwesali endlini asiyonto intsha, leyo yinto esikhule isenziwa kwezi zethu iilali. Isali iyaxabisa ayinakuze ilale phandle, ifanele ukuhlala endaweni ekhuselekileyo.”

UStwayi uthi umthetho mawudlale indima yawo, angasizelwa, kuba naye akamsizelanga uyise wakhe.

Ukanti abahlali bala mmandla abaninzi batsho ngazwinye ukuba isali iyalala endlini umthetho wayo.

UZithobele Bayiyana uthi kukutefa oku kwenziwe ngumtyholwa kuba bona bakhula belala nesali kwakunye nemfuyo endlini, kwaye ingabi yonto inokude ixabanise leyo.

UBayiyana urhanela ukuba ikhona intsusa yokuba bade babulalane aba.

“Sikhula silala namathole neenkukhu endlini, zange sabona nto ityhulu kulo nto. Mhlawumbi bekukhona esinye isizathu esisukele kwinto yesali, ngusathana nje lo,” utshilo uBayiyana.

Umtyholwa uvelile phambi kwenkundla yamatyala eXhorha ngoMvulo, nalapho aza kuphinda avele namhlanje.

Ingxelo ephuma kwiSithethi samaPolisa uKapteni Jackson Manatha, ithi umtyholwa ukhutshwe ngesilumkiso, nalapho akugcino lwesihlobo nanjengoko engekabikho lungelweni lokuvalelwa ngenxa yokuba esengaphantsi ngokweminyaka.

UBman Ndlangisa Thole Tshengu kuFacebook wephephandaba I’solezwe, malunga neli bali uthe: “Ide ibulale uyise kuba esuke wabeka isali entangeni le nkwenkwe. Igeziswe yile nto la ndlu kwathiwa yeyakhe, into ena17 bekufanele ukuba isalala endlini enkulu.”