Watshaba umntwana ephoxwa ngurhulumente

UThembeka Sam eSilatsha eMooiplaas eMonti, uthi udane kakhulu yindlela aphoxwe ngayo ngethuba efowunela iAmbulensi efuna iyokuthatha umntwana obegula UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMIVUYO Patuluko (4), inkwenkwana yaseSilatsha eMooiplaas eMonti, uzalwe ekhubazekile kweyeDwarha ngo2013 kodwa umnqa kukuba ebekulangazelela ukuphakama rhoqo ngentsimbi yesithandathu ngeentseni abonakalise uncumo xa udadobawo wakhe ethandaza.

Eli libali likaMivuyo obhubhele kwizandla zosapho lwakhe eSilatsha kutshanje, emva kweeyure ezintandathu elinde iAmbulensi. Umama kaMivuyo yena utshabe ngo2015.

Udadobawo kaMivuyo, uThembeka Sam, uthi le nkwenkwana ibikhubazeke ngohlobo lokuba ibingakwazi ukuhamba nokuthetha, kodwa ikwazi ukuva xa kuthethwa nayo. Emva kwethuba uMivuyo uye wonganyelwa sisifo sokuxhuzula. “Ukuba umxelela into, ebevele athule ebonakala ukuba uyacinga emva koko enze loo nto ubumxelela yona,” kutsho uThembeka.

Iinzingo zesifo sokuxhuzula ziqale ukuyongamela ngamandla le nkwenkwana ngomhla weshumi elinesithandathu kweyoMdumba kulo nyaka.

“Waxhuzula woma umntwana ngecala emva kwentsimbi yesihlanu kusasa, emva koko ndafowunela iAmbulensi. Ndalinda iiyure ezimbini, ndabona ukuba mandizame imoto apha elalini isise kwikliniki yalapha eMooiplaas. Ngenene ndenza njalo wabe uyancedakala umntwana.”

Uphindile uMivuyo wabonakalisa ubunkenenkene xa kuthambeka imini yomhla weshumi elinesine kuTshazimpuzi walo nyaka. Ngaloo mhla ke, wayengaxhuzuli kodwa engaqhelekanga emzimbeni, edakumbile.

“Ndimqaphele emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ukuba asinguye lo ndimaziyo. Emva kweyure ndabona ukuba mandifowune.

“Ngethuba ndifowunela iAmbulensi ngentsimbi yesibhozo usisi owabamba ifowuni wathi kum ngesiXhosa: ‘Nina bantu baseMooiplaas ninayo le nto yokuhlala nihlale imini yonke, nale xa kutshona ilanga umntu xa esiva ethanda afowunele iAmbulensi’. Ndavele ndanyepha ngala mazwi, kodwa ndaqonda ukuba mandimamele le nto ayithethayo kuba yona iAmbulensi ndiyayifuna.

“Ndathi ndisamamele ndamva esithi lo sisi: ‘iiAmbulensi ke azikho kuba oonyana benu bayahlabana ngeempelaveki, enye iAmbulensi ilapho kuni eMooiplaas enye iseTsholomnqa. Anditsho ukuba ayizukufika, kuxhomekekileisenongafiki.’ Emva kokuba ethethe oku, wayibeka phantsi ifowuni.”

Ngeli xesha ke uMivuyo uya ebankenenkene mpela. UThembeka uthi bafowunela umfo othile eSilatsha, befuna imoto eza kusa uMivuyo esibhedlele.

Emva kokungafumani imoto apha elalini, olu sapho lwabona ukuba maliphinde lifowunele iAmbulensi, kwesi sihlandlo ifowuni yabanjwa mntu wumbi owabaxelela ukuba mabalinde. Zaqengqeleka iiyure belindile, bexakwe nguMivuyo owayebonakala ukuba ufuna uncedo lukagqirha.

Wabhubha uMivuyo emva kwentsimbi yesibini ngentseni yomhla weshumi elinesihlanu, eshiya unxunguphalo kusapho.

Kwade kwasa tya belinde iAmbulensi, sele befuna ithathe isidumbu sale nkwenkwana kodwa nkqi iAmbulensi yombuso.

Olu sapho lwade lwafowunela inqwelo yesidumbu yabucala, yamthatha uMivuyo ze wangcwatywa emva kweentsuku ezine ebhubhile.

Ukubhubha kwakhe kushiya imibuzo kusapho, ingakumbi kuThembeka.

“Yhini ukuphoxwa ngolu hlobo ngurhulumente ebe sicinga ukuba ufanele ukukhathalela abantu abahlelelekileyo abafana nathi. Simvotela nje kuba sifuna asincede, thina bantu bangakwazi ukuzinceda.”

UThandeka uthi uyakuhlala emkhumbula uMivuyo, ingakumbi xa bevuka rhoqo ngentsimbi yesithandathu bathandaze .

“Ebeyithanda inkonzo, ebesithi xa kuculwayo apho sikhonza khona eZiyoni, umbone ukuba wonwabile, uncume apha ebusweni.”

Umalume kaMivuyo, uSikhotsholo Dyani, uthi ukuba iAmbulensi ibifike ngexesha, “ngengabhubhanga uMivuyo”.

ULwandile Sicwetsha, othethela uMphathiswa uHelen Sauls-August weSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uthi indlela eluphendulwe ngayo olu sapho ayifanelanga ukuba iphuma kumagosa esebe lezempilo, watsho esithi baza kuphanda ukuba ngubani owayephangele ngolwa suku, ukuze bathabathe amanyathelo ngakwigosa elichaphazelekayo.