‘Wena unxila ngaselwandle awusindanga’

Amapolisa eMpuma Koloni ebeyinxalenye yegqiza elityelele abahlali eGompo kumsitho wokuphehlelelwa kwephulo iBuya MthethoUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Njengoko sele lifikile ixesha leziyunguma zokuphela konyaka, amapolisa ephondo leMpuma Koloni athi sele zicwalile izicwangciso zokuqinisa ukhuseleko ukulungiselela uluntu lweli phondo.

UMkomishinala wamaPolisa kweli phondo, uNjengele Lieutenant Liziwe Ntshinga, uthi lo mkhwa wabantu abavula iimoto kuselwe utywala ngaselwandle uza kuphela ngeli xesha kuba buza kuthathwa obo tywala ngamapolisa.

“Uluntu maluselele kude nolwandle luye ngokuqubha kuphela, oku zinzame zokunqanda ulwaphulomthetho kwanokuthoba izinga lokurhaxwa kwabantu.”

Ebethetha izolo kwibala lezemidlalo eGompo eMonti ngethuba bephehlelela iphulo elithi “Buya Mthetho” enjongo ikukukhusela uluntu lonwabe ngokungoyiki ngexesha leziyunguma zokuphela konyaka. Kweli phulo amapolisa asebenzisana norhulumente. UNtshinga uthi lowo uthe wanelishwa

lokubanjwa ngeli xesha likaxakeka uya kubuya ahoywe kunyaka ozayo kwinyanga yoMdumba.

“Obanjiweyo ngoku uza kuhlala ngaphakathi atyele iKrisimesi eziseleni kuba akazukufumana bheyile kwaye ngesi sigqibo sele sithethene nabo abeGunya-Bantu lezoTshutshiso,” utshilo uLt Ntshinga.

INkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane nobe yinxalenye nolu phehlelelo lukaBuya Mthetho uthi bengurhulumente bafuna ukuqinisekisa ukuba eli phulo lokulwa ulwaphulomthetho olukwizinga eliphezulu ayilo leli xesha leeholide zokuphela konyaka kuphela, yinto eza kuqhubekeka isenzeka isiliwa.

“Sifuna nathi singurhulumente ukuqinisekisa ukuba le nto yokuliwa kolwaphulomthetho yinto esiyenza ngezandla ezingenamkhinkqi. Sibulela kumapolisa ngomsebenzi omhle othe gqolo ewenza kweli phondo bebamba abenzi bobubi.

Silapha nje sizokuqinisa intsebenziswano, urhulumente ulapha ukuzokuxhasa eli phulo lamapolisa,” utshilo uMabuyane.

Uqhube wathi kodwa nokuba kunjalo kodwa amapolisa aza kukwazi ukusebenza kakuhle xa ngaba uluntu lukhusela amapolisa, namapolisa aza kukwazi ukukhusela uluntu ngokungenavalo. Uthi intsebenziswano yeyona inokuthi ithobe ulwaphulomthetho.

Uthi abantu bangahlali nezikrelemnqa endlini, mazichazwe ngaphambili.

Kweli phulo kukwanikezelwe ngeemoto eziza kungena ezilalini naseluntwini ngeli xesha.

abongile.ginya@inl.co.za