‘Yikaka le nkululeko’

MHLA uChumani Maxwele elanda ilindle ukuze ayolinyhibheka kumfanekiso oqingqiweyo kaCecil John Rhodes kwiYunivesithi yaseKapa (UCT) akazange asokole, kuba wavele wayokulilanda koopotapota baseKhayelitsha.

Oku sisishwankathelo esiqulathwe kumbongo kaAthambile Masola othi Ikaka nopapashwe kwincwadi ethi Ilifa.

UMasola, ongumbhali nomhlohli kwizifundo zembali kwiYunivesithi yaseKapa, uwufunde lo mbongo wakhe eSteve Biko Centre eGinsberg eQonce kwiveki ephelileyo apho iSebe lezeMidlalo, ezoLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko laseMpuma Koloni belibambe khona umsitho wokubhiyozela amaqhawe oluncwadi.

Isicatshulwa salo mbongo kaMasola, ufundeka ngolu hlobo: “…ekhe bakhululeka abantu abamnyama iza kuba yikak’ apha, yikak’ apha, yikak’ apha…”

La mazwi abaliswa nguBhele, ebalisela nkosikazi ithile bethe chu, besiya esibhedlele eFrere eMonti, ngethuba kwakusondela inkululeko.

“I wonder u’ba angathini uBhele xa enokuva ukuba kukho umntwana (Michael Kompape waseLimpopo) owasweleka ngenxa yekaka,” kutsho esinye isicatshulwa kulo mbongo.

Athambile Masola UMFANEKISO: Nonzuzo Gxekwa

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uMasola uthi lo mbongo uze emva kwebali.

“Uninzi lwemibongo yesiXhosa ibhalwa ngezitanza, kodwa mna bendifuna ukuphazamisa lo nto ndibhale umbongo okwebali. Lo umbongo awubhalwanga ngendlela eqhelekileyo, elandela ukubhalwa kwemibongo,” utshilo uMasola.

“Apha ndibhale ngendlela umakhulu wam awayethetha ngayo. Umakhulu wam wayethetha ngolu hlobo. Ndiyayazi ukuba abanye bathi isiXhosa kufuneka sibe nentlonipho okanye isimilo. La magama akrwada ngamagama ethu, okubalulekileyo singayisusa njani la nto ithi amagama athile, ngamagama akrwada,” kutsho uMasola.

UMasola uthi ngethuba ebhala lo mbongo, akazange acinge ukuba abantu bangasabela ngolu hlobo kuwo.

Malunga nemeko elikuyo ilizwe ngoku, uMasola uthi: “Ndikholelwa ukuba ayikho le nto yenziwa ngaba bantu basiphetheyo. Ayikho enye indlela endinokuyibeka ngayo. Ibalulekile eyokuba sikwazi ukuthetha ngeemeko esiphila phantsi kwazo.”

“Ayikholeleki eyokuba kwasweleka umntwana (Michael Kompape) esikolweni (emva kokutshona kwikaka). Omnye ngoku umntwana (eUgie) ebethunywe ngutitshala ukuba ayomthathela ifowuni (ekakeni). Andithethi ntsomi xa ndithi yikaka yenkululeko le sikuyo,” utshilo uMasola.