Yintlaninge esalindele izindlu zeRDP

Umphathiswa wesebe lokuhlaliswa koluntu uLindiwe Sisulu kwinkomfa eququzelelwe leli sebe eNelson Mandela Metropolitan Yunivesithi

ISEBE lohlaliso loluntu
ku
zwelonke libambisene neYunivesithi iNelson Mandela
Metropolitan, nomasipala waseNelson
Mandela
Bay
ekusingatheni ikomfa
entsuku ntathu nekushukuxwa kuyo imiba ephathelene nemicimbi yohlaliso loluntu.

Le nkomfa ebibizwa ngokuba
yi-2016 Human Settlement Conference ibanjelwe kwihotele iBoardwalk
eBhayi phantsi komongo othi ‘Sustainable future cities and human settlements
begin today.’

Le komfa izinyaswe
ngumphathiswa weli sebe uLindiwe Sisulu, amalungu epalamente, iindwalutho
zamazwe aseAfrika nawa phesheya, oonjingalwazi abaphuma kwamanye amaziko emfundo, namagosa elisebe.

Evula le komfa, uSisulu uthe ise yintlaninge yabantu abadala abasa bambelele
ethembeni belinde izindlu abazithenjiswa ngurhulumente kwiminyaka engamashumi
amabini adlulayo. Uthe kubanga usizi ukuva ukuba abanye bababantu bade
balishiya elimiweyo phambi kokuba baxhamle kule nkonzo.

“Senza ikhwelo kubantu
abatsha ukuba bakhe balinde kuba ityhu yabantu abadala isende kwaye kudala
belindile. Sizakusebenza ngabo bangaphaya kwamashumi amathandathu eminyaka
ukunyuka,” utshilo uSisulu.

Umphathiswa uthe ulutsha
luxhamla kakhulu kumalinge esebe lakhe. Ukwathe kukho izifundo zemfundo
enomsila kwicala lohlaliso loluntu eziqhutywa kwiiyunivesithi zeli ezifana neNMMU  kwakunye neFort Hare, watsho esithi ziyafumaneka iibhasari zokuqhuba ezo
zifundo.

“Kwiyunivesithi yaseNelson
Mandela sinesetyana lezophando elizakusetyenziswa leli ziko ukuphanda imikhwa
yokuthengiswa kwezindlu ze RDP ngabaninizo. Ngumkhwa ombi kakhulu lowo
ongamkelekanga,” uqhube watsho uSisulu.

Ongusihlalo wesebe lohlaliso
loluntu kumasipala waseNelson Mandela
Bay
uNqaba Bhanga uthe
baya kuthakazelela ukuba nobudlelwane nesele lokuhlaliswa koluntu, kwaye uyazixhasa iimbono zika
mphathiswa.