‘Yohlulani phakathi kothando nokukhanukwa’

AKUKHO ndoda enokunika iR15 000 ngenxa yomzimba wakho kanti iza kusebenzisa ikhondom xa ilele nawe, ngoko ke amantombazana mawohlule phakathi kokuthandwa kwakunye nokukhanukwa ngamadoda ngenxa yemizimba yawo.

Oku kuthethwe nguZimasa Ndaba (26) waseMatatiele, oyintombi nto okanye itshitshi, nobethetha kuVonqo eDutywa kumsitho wokubhiyozelwa kwenkciyo.

Iintombi nto zephondo ezibalelwa kwiwaka beziwuzimasile lo msitho obubanjelwe kwiKomkhulu lakuNtonga likaNkosi Olwethu Daluvuyo Sihlanu.

Zimasa Ndaba UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UNdaba, owenza isidanga seeMasters kwezokhenketho nakulwamkelo zindwendwe (Tourism and Hospitality) eCape Peninsula University of Technology, uxelele amantombazana abe zimase lo msitho ukuba “xa umntu ekuthanda ulungile, kodwa lo nto ayitsho ukuba makalale nawe kuba lukhona uthando, ibe khona inkanuko”.

“Xa ufika eyunivesithi zininzi izinto odibana nazo, kuba mna xa ndikhula ndandicinga ukuba utata unemali, kodwa yheyi xa ndifika eyunivesithi ndafumanisa ukuba baninzi abantu abangamadoda abanemali.

“Kodwa ke xa ufika eyunivesithi yazi ukuba uyokufunda phaya, awuyelanga ukuyophiwa imali ngamadoda okanye ukuhamba iindawo zentselo. Kufuneka ucinge ukuba ingaba useyunivesithi ngelifuna ukukhulelwa, ukuqhomfa isisu, ukufumana intsholongwane kaGawulayo okanye ukufunda. Kulapho kufuneka wenze izigqibo, uyazi ukuba akukho ndoda enokunika iR15 000 kanti niza kusebenzisa isikhuseli (ikhondom),” utshilo uNdaba.

Zimasa Ndaba UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UNdaba uthi waqala ukuzibandakanya nenkciyo eneminyaka elishumi elinesihlanu kwaye uthi le yinto emonwabisa kakhulu.

“Kwaba basakhulayo (kwinkciyo) ndifuna ukuthi nyamezelani akukho lula. Ndithe ndakube ndikhula kwinkciyo ndabona ukuba iyonwabeleka le nto kuba iyindlela endifuna ukuphila ngayo.

“Abanye abantu abadala banokucinga ukuba siyaxhatshazwa ngokuzibandakanya kwinkciyo, abanye bathi siya kwinkciyo ngokungathandi, kodwa mna ndiyayonwabela kakhulu andinyanzelwa,” utshilo uNdaba.