Zenzele umqwayito

Eli lixesha lonyaka apho iziqhamo ezifana nepesika zikwixabiso lokuba zivunwe. Umqwayito weziqhamo kudala ukho uyinxalenye yempilo yoluntu. Abanye bawusebenzisa ungumqwayito uwodwa, logama abanye bewuxuba nesidlo sabo sakusasa, okanye bawutye uwodwa njengeqebengwane.

Umqwayito wenza iqebengwana elimnandi kakhulu xa uwutya usebenza imisebenzi yakho emini emaqanda, okanye uwusebenzise ukongeza incasa kwisidlo sasemini. Nakwintubululu yesiselo sakho uyasebenza.

Kule mihla umqwayito weziqhamo usetyenziswa kakhulu kwiziselo. Maxa wambi usebenza negrangqa efana nejini neziselo ezikhaphayo neminye ke imixube yokonwaba. Eli lixesha lokuba sifunde ukuzenzela eyethu imiqwayito, ngokwenza njalo sakonga imali endaweni yokuyichitha, logama sikwafunda indlela entsha yokwenza izinto.

Iindaba ezimnandi zezokuba, ungazenzela umqwayito wakho ngendlela enexabiso eliphantsi ekhayeni lakho. Ngokwembali umqwayito ubusenziwa ngeziqhamo ezomileyo bezisithi zomiswe nangakumbi elangeni, kodwa kule mihla zininzi iindlela zokwenza umqwayito.

Indlela yokwenza umqwayito mfama

Khetha iziqhamo ezifanelekileyo ukuba zingenziwa umqwayito

Asizizo zonke iziqhamo ezithi zome ngokufanele ukwenza umqwayito, ngoko ke gxila kuphela kwezo uzaziyo ukuba zivelisa umqwayito osemgangathweni.

Iziqhamo ezisebenziseka lula ukwenza umqwayito ziquka ipesika, ipere, iapile, ibanana nezinye ke.

Khetha iziqhamo ezivuthwe ngokwaneleyo

Qinisekisa ukuba iziqhamo ozisebenzisayo zikhule ngokwaneleyo, ziqinile kwaye zivuthwe ngokukuko. Iziqhamo ezinendawo ezilimeleyo, ezingavuthwanga kakuhle okanye ezivuthwe kakhulu ziyalahlekelwa bubuncwane bomqwayito.

Lungiselela ukwenza umqwayito

Hlamba iziqhamo phantsi kwemeko epholileyo, kumanzi abalekayo, zicoce ngokususa izinto ezimdaka. Zosule ngelaphu uzomise. Sika igaqa eli libe zizilayi ezibhityileyo. Zoneke ezi zilayi uzenze ukuba zingasondelelani xa uzonekile.

Indlela yokomisa iziqhamo

Zibeke kwitreyi uzifake kwiOven yesitovu sakho. Sibeke kwelona qondo liphantsi isitovu sakho. Kufuneka uyomise ke ungayipheki ngokuyifaka kule Oven. Zomise iziqhamo zakho isithuba seyure ezine ukuya kwezisibhozo.

Zikhuphe eOvenini xa uqaphele ukuba ziwakhuphile amanzi ngokwaneleyo.

Zenzele owakho umqwayito