Ziiveki inyamalele intwazana yakuGutyana

USisipho Madakana, 14, welali yasePhathilizwe eXonyeni onyameleleyo
SELE iyiveki yesithathu idukile intwazana  yaseXonyeni kuGatyana. 

Ingxelo ephuma kumapolisa ala mmandla ithi uSisipho Madakana, 14, welali yasePhathilizwe eXonyeni, ugqityelwe ukubonwa kowabo ngomhla wesibhozo kule nyanga, khange aphinde abonwe emva koko. 
UKapteni Jackson Manatha nosisithethi samapolisa udize ukuba amapolisa ala mmandla kwakunye neqela lohlangulo bayalwenza ugqogqo belandelela nemikhondo kodwa asabuya nelize. 
Amapolisa akwabongoza nakuluntu ngoncedo kwaye nakulowo uya kuthi abe nolwazi ngoSisipho eze ngaphambili. 
Ukanti uluntu lungatsalela umcuphi wetyala uNcediswa Sogwangqa ku047 499 6234 kwisikhululo samapolisa kuGatyana.