SELE iyiveki yesithathu idukile intwazana yaseXonyeni kuGatyana.
Ingxelo ephuma kumapolisa ala mmandla ithi uSisipho Madakana, 14, welali yasePhathilizwe eXonyeni, ugqityelwe ukubonwa kowabo ngomhla wesibhozo kule nyanga, khange aphinde abonwe emva koko.
UKapteni Jackson Manatha nosisithethi samapolisa udize ukuba amapolisa ala mmandla kwakunye neqela lohlangulo bayalwenza ugqogqo belandelela nemikhondo kodwa asabuya nelize.
Amapolisa akwabongoza nakuluntu ngoncedo kwaye nakulowo uya kuthi abe nolwazi ngoSisipho eze ngaphambili.
Ukanti uluntu lungatsalela umcuphi wetyala uNcediswa Sogwangqa ku047 499 6234 kwisikhululo samapolisa kuGatyana.
Iphele njalo indlela yeSundowns kwiCAF Champions League!