Zikhona iinkosi eKapa

Ziyaqhuba ngokusebenza iinkosi kwisixeko saseKapa nangona zisalindele ukwamkelwa ngokusemthethweni ngurhulumente.

Iphulo lokumiliselwa kweenkosi eNtshona Koloni lixhokonxwe bubukho beziduko ezinebango lobukhosi ngobuzwe bazo.

Isizwe ngasinye savela nebango laso lobukhosi, nophando eliye lasenza ngobu bukhosi.

Isizwe samaXesibe sesinye sezizwe ezinelibango, nesinobukhosi obuphehlelelwe ngonyaka ka-2013 ziziswenye zeenkosi zamaXesibe eziphuma kwiphondo leMpuma Koloni.

Zilishumi elinesine iinkosi ezathi zamiselwa, nezikhokelwe nguNkosi Mali Hoza “Aah! Laduma.” Usomlomo wesisizwe kweli phondo uNkosi Zolile Feni “Aah! Gcinumthetho” uthi badibana rhoqo ngemicimbi eyahlukileyo nabanqwenela ukuba urhulumente abanike amagunya asemthethweni, ukuze basebenze bavuselele izithethe namasiko akwantu apha ezidolophini nanjengoko kusenziwa emakhaya.

Uthi nangona kunjalo sebeqhuba imisebenzi efana nokuqinisekisa ukuba isiko lolwaluko lenziwa ngendlela efanelekileyo, ngokuthi abantu abanamakhwenkwe azakoluka baxelele inkosi ukuze yona idibane nengcibi namakhankatha aneziqinisekiso ezisemthethweni zokwenza lo msebenzi.

Ukwathi bayazama ukulwa nomkhwa wabafana abenza nzima amantombazana ze bangafuni kuhlawula.

Uqhube wathi “Sinayo intsebenziswano nabasemthethweni, ingakumbi ekusombululeni imbambano zasekuhlaleni. Nangona singangeni kwezopolitiko kodwa siyasebenzisana nooceba beeWadi.”

Uthi ubukhosi bufana nqwa nesithunzi somntu buhamba nomnikazi wabo, kwaye amasiko nezithethe zenziwa naphina apho kukho umntu.

Nangona kunjalo uthi banesikhalo sokungafumani sibonelele senkxaso kurhulumente ngomsebenzi wabo abawenzayo njengoko kusenziwa kwamanye amaphondo, kodwa banethemba lokubonelelwa xa bethe bamkelwa ngokusemthethweni.

OkaFeni ulebele ngelithi ziinkosi zodwa ezinokudibanisa isizwe sibe yimbumba yamanyama, kwaye kungekudala bazakungenelela kumcimbi wemihlaba kweli phondo.

Iinkosi zaseKapa ziquka:

ULaduma, Ngqangiyathethwa, Gcinumthetho, Langaliyakhanya, nezinye *Kwiphepha 4 funda ngembali yazo…