Ziza kudibana kucweyo iimvumi

ZIZA kube zizilolonga iimvumi ezingamakhulu amabini anamashumi asibhozo eziphuma koomasiphala abakhulu abasibhozo kwiphondo leMpuma Koloni

Ezi mvumi ziqubisene kukhuphiswano elaziwa ngokuba yiBattle of Municipalities nelikhangela imvumi ezakuthi igqwese. Ngomso ezi mvumi zizakube zibuthelene kwiholo yoluntu eGonubie nalapho zizakube zifundiswa banzi ngomculo, kwaye kulindeleke ukuba iijaji zolu khuphiswano zibekhona zinike iingcebiso kwezi mvumi.

Osungule olu khuphiswano uSydney Qoqonga uthi yiyona nto izakuba luncedo olukhulu kwezi mvumi njengoko zizakucetyiswa ezona nto zingundoqo ekufanele ukuba zigxile kuzo.