Ziza kujika izinto emapoliseni oMzantsi Afrika!

 NGELIKHUTHAZA amapolisa amatsha ukuba ahlale kwinkonzo yesipolisa, amapolisa oMzantsi Afrika eMpuma Koloni aqalise iinzame zokuxhobisa amapolisa asaqalayo. 


Ngamapolisa asaqalayo angaphezu kwamakhulu amabini axhotyiswe ngezakhono ezahlukeneyo kwinkqubo yobambiswano phakathi kweSebe loKhuselo loLuntu, iNational Youth Development Agency kunye neNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika eMpuma Koloni. 


Ethetha kumsitho wokuwongwa kwala mapolisa, uSekela Mphathiswa weSebe lamaPolisa kuzwelonke uBongani Mnkongi, uthi ziza kujika izinto emapoliseni oMzantsi Afrika. 


“Mayiphele into yokuba la mapolisa ahlalele ukuthunywa ukuba athuthe abantwana bezikhulu zamapolisa ezikolweni, bathunywe ezivenkileni, ngoku kufike ixesha lokuba baxhotyiswe ngezakhono bazokukwazi ukukhula bese bancinci,” kutsho uMkongi. 


Omgumlawuli obambeleyo kwiSebe loKhuselo loLuntu uZukile Kani, uthi baza kutyala ulwazi nezakhono ukuze kuguquke ikamva. 


“Baqeqeshwe kwiindlela zokulawula imali, iindlela zokulawula umsindo, ingxwabangxwaba, unxibelelwano nezinye ezihambelana nomsebenzi wabo,” uthethe watsho uKani.

 

Ukanti uMkongi usebenzise eli thuba ukuthethelela amapolisa angamanina ngelithi liphelile ixesha lokuba agcinwe kumanqanaba angezantsi. 

“Ukuze ubone ukuba sisawacinezele amapolisa angamanina, ingakumbi alulutsha, ufika kukho la mapolisa aneminyaka engamashumi amabini ehlala kwiindawo zokuhlala amapolisa, kutheni engaphumi kuhlale la mapolisa asandula kungena?  Ulutsha namanina malunikwe isidima emapoliseni,” utshilo uMkongi. 

Uthi xa amapolisa amadala ehlala kwiindawo zokuhlala amapolisa, amapolisa amancinci awanakuze ayibone impumelelo. 

“La mapolisa alulutsha awakwazi kuthenga iimoto nezindlu kuba amkela imali encinci, ngoko mawaphume amapolisa amadala kwiindawo zokuhlala amapolisa aye kuthenga izindlu, la alulutsha aza kukwazi ukubanenkqubela.”

 

Uthi uneenjongo zokuba eli phulo ligqithele kuzwelonke ukuze ulutsha olusemapoliseni likhuthazeke. 

“Ulutsha lungena nje luphinde luphume emapoliseni, ezi zakhono ziza kubanika isizathu sokuhlala kwinkonzo yamapolisa.  Kufuneka sivule isetyana lolutsha ngaphakathi emapoliseni,”utsho uMkongi. 

Ukanti uMkhomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uLiziwe Ntshinga, uthi ngenene ikho imfuneko yokugcinwa kwamapolisa alulutsha kwinkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika.

“Bayahamba abantu abadala esipoliseni yonke imihla, aba kufuneka bangene bexhobe ngezakhono ezitsha ezihambelana nala maxesha angoku,” utshilo.