Uhlalutyo lwencwadi: The Hidden Scars of a boy child

Incwadi ethi, The Hidden Scars of a boy child.

UTiyiselani Mukhari ngunontlalontle oneminyaka engaphuzulu kweshumi ekwenza oku, nalapho olona thando lwakhe lugxile kwimvakalelo nempilo yomntwana oyinkwenkwe .

UMukhari noyinzalelwane yaseMphambo, eMalamulele, kwiphondo iLimpopo ubhale incwadi engobomi bakhe, nepapashwe kunyaka ophelileyo. Kule ncwadi udandalazisa phandle intlungu yakhe yokukhula ehlukunyezwa, nendlela awathi wayihamba ukunqoba oku, nokufumana impiliso.

Incwadi le inesihloko sithi, ‘The Hidden Scars of a boy child’, nalapho ukubhala kwakhe le ncwadi enethemba lokuba iza kuphilisa kwaye ibuyise isidima saye nabani na ebomini odlule kwimeko yokuhlukunyezwa.

UMukhari ubalisa ngobomi bakhe obaqala ababilula, eneminyaka nje esibhozo. Lo mbhali unika umfanekiso ngqondweni ngokwakusenzeka ebomini bakhe, nalapho wayebethwa, esenza imisebenzi emele ukwenziwa ngumntu noko osele ekhulile. Oku zange kuchaphazele yena kuphela, nanjengoko udade wabo, owayeneminyaka emithandathu, naye wathi wahlukumezeka.

Ubalisa athi eyona nto yayimenzela intliziyo ebuhlungu kukungabikho kukamama wakhe omzalayo, nokungabonwa kwempatho-mbi abayifumanayo kumama omncinci wabo ngutata wabo xa ebuyile emsebenzini okwethutyana.

Uqhuba athi umama wabo, wathi wemka ngamhla uthile, nalapho wathi xa ebuza kumakhulu wakhe, wathi usatyelele kowabo, uzakuphinde abuye. Wathi esajongile, kwagaleleka mama uthile, nalapho kwafuneka bathi mama kuye, nalapho izinto zathi zatshintsha khona.

“Phantsi kophahla lwendlu kamama omncinci wam, ndandihlala ngoloyiko, ndandithi xa ndisiva ilizwi lakhe nokuba ndikude kangakanani, umzimba wam ungcangcazele. Ndandisoloko ndilindele ukubethwa, koko ndingazi ukuba yeyiphi indawo emzimbeni wam eza kubethwa.”

Kwakule ncwadi uMukhari ubalisa athi: “Ndaqala ndazama ukumbonisa uthando umama omncinci, ndinethemba lokuba uzakukholelwa ukuba andimzondi nakuba endihlukumeza”

UMukhari ukwabalisa ngosuku angasoze alulibale, nalapho udade wabo wathi wabethwa wophisa entloko, kwanyanzeleka abotshwe ngelaphu. Uthi wakufika esikolweni, kwathiwa uyabizwa kwiofisi katitshala omkhulu, nakuba oku kwamothusa, kodwa akungena abone umama wakhe omzalayo notata wakhe, waziva engcono. Uqhuba athi babehamba noonontlalonte, nebahamba nabo ukuya kupakisha impahla yabo, basisingisa kulo nina.

UMukhari nodade wabo bancedwa kukuya kulo nina ukuze baphumle kubomi bokuhlukunyezwa. Liyinene elithi izinto azisoloko ziluhlaza ngalo lonke ixesha kwelinye icala, ukanti oku kungqinwa xa uMukhari eyibalisa intlungu yokulala bengatyanga ngezinye imini kulo mama wakhe, kodwa noko kunjalo babengahlukunyezwa, babephethwe kakuhle.

“Ndambuza uThixo ukuba kungani na ukuba usisuse kwindawo ebesikuyo, usizise kwindawo engenakutya? Kungani na usizise kwindawo apho silala ngendlala, siphinde sivuke ngayo? Ewe andihlukunyezwa, kodwa ndilambile, kumele nditye ntoni na?”

Incwadi le yenza lowo uyifundayo azive eneemvakalelo ezahlukeneyo, naxa sona isiphelo sikhuthaza, sikwashiya uvuyo nochulumanco, ukufumanisa ukuba akukho nto inokukunqanda ukufezekisa amaphupha akho, nokuba sele ugqithe kwiimeko ezinjani.

UMukhari, wafunda wangunontlalontle, kwaye ngenxa yoko uyaqhuba namaphulo okukhuthaza nokunika ithemba kubantwana abangamakhwenkwe nabazibona bengamaxhoba okuhlukunyezwa, kwanokwakha ubudlelwane obuluqilima nabazali.