Babuye neembasa abawongwe kwiMontywood

Zibanjwe ngempumelelo iMontywood Awards zokuqala, nebezibanjwe eGuild Theatre, eMonti kutshanje, nezizakuqhuba minyaka le.

La mawonga nebejoliswe ekuwongeni nasekukhuthazeni abo badlala inxaxheba bezibandakanya nokushicilelo lwamabali kwividiyo, nathi apapashwe kwiMontywood. Abo ke baquka abenzi beevidiyo, abadidiyeli bazo kunye nabo bathi balingise kwezi vidiyo.

Umsunguli kwanomququzeleli weMontywood Awards u-Unathi Dyubula uthe iMpuma Koloni ngokubonakaliswa ngamanani, inabantu abangaphezulu kwesigidi abashiya eli phondo ukuya kukhangela amadlelo aluhlaza, kwaye watsho esithi isininzi sabo sikushishino loyilo (creative industry).

“Namhlanje siyiMontywood sakha iqonga, ukuze abantu babone ukuba nathi sinawo nomdla wokukhulisa italenle kweli phondo,” utshilo uDyubula.

UDyubula ukwathe urhulumente uyaqhuba nokubaxhasa kwicandelo loyilo, kodwa uhlabe ikhwelo kumacandelo abucala ukuba nawo aze ngaphambili, afake inkxaso apho anako.

Lo msitho nobubhexeshwa nguSize Dosi kunye noQhamani Mabizela ubuzinyaswe ziimvumi ezifana noBethusile Mcinga, noZuko SA, ukanti nomlingisi kaNetflix u-Unathi Platjie.

“Ndiviza ndikwinqwanqwa eliphezulu kakhulu. Ukubona indlela uluntu oluphume ngayo ukuza kuzimasa lo msitho, kwanetalente ekhoyo, loo nto ibonakalisa ukuba ingathi sikhabela ezipalini, kwaye okwenziwe yiMontywood namhlanje kuyancomeka,” utshilo uPlatjie.

UPlatjie uvakalise umnqweno wakhe wokusebenza neMontywood.

Abanye kwabo bathe bawongwa baquka:

Siyanda Futshane (best male actor)

Sinazo Mdodana (best actress)

Mr Putye (life time achievement)

Hooba (best original song)

Bongekile Kondla (best costume)

Notorious Gang Production (Best Movie)

Eli qonga lokupapasha iividiyo, iMontywood, yathi yasungulwa ngonyaka ka2019, ilinyathelo likanomathotholo wasekuhlaleni iKumkani FM.