Ikamva likaSiya Kolisi njengokapteni weSpringbok limfiliba

USiya Kolisi encokola nenginginya yabantu ngethuba iqela belijikeleza nendebe. UMFANEKISO: ©Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo iSpringbok, uRassie Erasmus, akaqinisekanga ukuba uSiya Kolisi uzakuqhubeka njengokapteni weli qela.

UErasmus ukuthethe oku ngoLwesibini wale veki kwinkomfa noonondaba eKapa.

UKolisi kunyaka ophelileyo ube ngukapteni wesibini emva koRichie McCaw waseNew Zealand ukuphumelela iindebe zehlabathi zilandelelana.

Emva kokuphumelela kwabo ngo’12-11 kumdlalo wokugqibela neNew Zealand ngo-Okthobha wonyaka ophelileyo, uKolisi odlalele iSpringbok izihlandlo ezingamashumi asibhozo anesithathu uzibandakanye neqela laseParis iRacing 92.

“USiya udlala owona mbhoxo ogqwesileyo, kodwa ndikhetha ukuba ukapteni wam azinze eMzantsi Afrika nanjengoko oko kuvumela ukudibana ubuso ngobuso,” utshilo uErasmus.

“Baninzi abadlali abatyikitye iikhontrakthi ezinemiqathango yokuba bazakuyeka ukudlala umbhoxo wamazwe ngamazwe. USiya akazange atyikitye into elolo hlobo lo nto ikuxelela ukuba ufuna ukudlalela uMzantsi Afrika,” utshilo uErasmus.

UErasmus uthe uyazi ukuba ngabaphi abadlali abaza kuhlala kwaye bakhusele iNdebe yeHlabathi kwiNdebe yeHlabathi ka2027 kodwa wongeze ngelithi abadlali abadala bazakuhlala beyinxalenye yezicwangciso zakhe zexeshana.

“Siyazi kakuhle ukuba ngabaphi abadlali esicinga ukuba bangahlala omnye unyaka kwaye sibanike imisebenzi ethile yokunceda abadlali abasebatsha phambi kokuba balishiye iqela,” utshilo.

“Le yimeko eyodwa kwaye ndicinga ukuba uKolisi uza kudlala imidlalo yovavanyo, ngokuqinisekileyo uyafuna, kodwa asiqinisekanga ngendima yakhe njengokapteni.”

UKolisi walishiya iqela leSharks waya eFransi.

NgoFebruwari, iSpringbok yaqinisekisa ukuba uErasmus uzakubuyela njengomqeqeshi oyintloko kude kube ngu2027 emva kokuhamba kukaJacques Nienaber esiya kwiqela laseIreland iLeinster.

UErasmus, owayengumqeqeshi kwimpumelelo yeNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ka2019, ukhethe uKolisi njengokapteni wakhe ngo2018 phambi kweNdebe yeHlabathi eyayiseJapan, nto leyo ethetha ukuba waba ngumdlali wokuqala omnyama woMzantsi Afrika ukukhokela iqela lesizwe lombhoxo.

UKolisi, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, wonzakala kakubi edolweni ngaphambi kweNdebe yeHlabathi ka2023 kodwa walulama kanye ngexesha ukuze akhokele iSpringbok kwimpumelelo.

Amabhokobhoko avula imidlalo yawo ka2024 ngomdlalo neWales eTwickenham eLondon nge22 kaJuni.

Emva koko babe nochungechunge lwemidlalo emibini yasekhaya bedlala neIreland ePitoli nge6 kaJulayi naseThekwini nge13 kaJulayi.

UErasmus uthe uzakubiza abona badlali bakhe banamava kumdlalo ophakathi kwamaqela akwindawo enye neyesibini kwihlabathi.