Mawanikwe ithuba amanina kwiifama zebhanana

Ukusukela ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga yoKwindla iingcali zolimo, amafama nabathengi beebhanana kwihlabathi baxoxe banzi ngendlela eveliswa ngayo ibhanana kwihlabathi.

Ibhanana le sesinye seziqhamo ezilinywa ngamandla kweli loMzantsi Afrika ingakumbi kwiindawo ezikufutshane nonxweme.

Le nkomfa ibikhangela igxathu elidlalwa yibhanana kwimpilo yoluntu lehlabathi nakwindalo ngokubanzi.

Ibhanana isoloko ikho kwiziqhamo ezithengwa mihla ngabantu abaninzi kumazwe ehlabathi, kaloku iyathandwa ngabantwana. Bambi bafunda ukuthetha bebiza igama layo, abanye kude kuthiwe ngooBhanana okanye onooBhanana.

Kuthiwa ke ibhanana igalela imali ekwishumi leebhiliyoni zeedola zaseMelika kwimali ngeniso yehlabathi ngonyaka ngamnye. Kweli laseAfrika baninzi kakhulu abantu abaphila ngokuqeshwa ziifama ezivelisa iibhanana.

Le nkomfa ibigxile ngamandla kwiindlela zokukhuliswa kwemveliso yebhanana kwihlabathi, amalungelo abasebenzi beefama zeebhanana nokunikwa kwamanina ithuba kwimveliso yebhanana kwihlabathi.

Umbutho iWorld Banana Forum nguwo ojongene nemveliso yebhanana kwihlabathi, kwaye ujonge ukuyandisa.

UVictor Prada ngunobhala jikelele weWorld Banana Forum, uthi baneenjongo ezibanzi ngemveliso yebhanana kwihlabathi.

“Eli lixesha lokuba siyibeke kwelinye inqanaba imveliso yebhanana kwihlabathi ukuze ihlale ikhona, ikhule idale amathuba emisebenzi nentlalontle kubantu behlabathi,” kutsho uPrada.

Imiqathango elawula ukuveliswa kweebhanana zezinye zeengxaki eziphambili ajongene nazo amafama weebhanana kwihlabathi.

“Sizama ukuqinisekisa ukuba amafama afuna ukulima ibhanana kwihlabathi ayakwazi ukwenza oko ngaphandle kweengxaki, iingxaki zeempepha mvume zokuvelisa ibhanana zilibazisa ukukhula kweebhanana,” kutsho uPrada. Ibhanana iqulethe uninzi lezakha mzimba ezifunwa ngumzimba ngamaxesha onke.

“Iinkampani zeevenkile ezinkulu kwihlabathi zisibeka ibhaxa zifuna ukuba kuveliswe iibhanana ngamandla ukuze kuqhutyekwe kuthengiswe iibhanana,” utsho uPrada.

Ngaphandle kweengxaki zemozulu eguqukayo amafama weebhanana kwihlabathi akhe ahlaselwa ngamandla ziingxaki ebezibangelwe sisifo seKhorona.

“Ingxaki yokunyuka kwamaxabiso wezona zinto sizifuna ngamandla kwimveliso yebhanana yeyona ngxaki sijongene nayo, ukunyuka kwexabiso lezichumiso nezinye izinto kuyingxaki,” kucacisa uPrada.

Kweli loMzantsi Afrika iphondo laseKZN lihamba phambili ngokuvelisa ibhanana, kodwa zikhona iindawo eziseMpuma Koloni eziquka iWild Coast yaseMaMpondweni evelisa iibhanana.

“Mawanikwe ithuba amanina kwimveliso yebhanana kwihlabathi, oku kungenza ukuba sifunde iindlela ezintsha zokuvelisa iibhanana kuba amanina ngabantu abachubekileyo abanokusiphathela iindlela ezintsha,” uhambisa atsho uPrada.