UAzinga ubuyela eqongeni

YIMINCILI yodwa kubathandi bezamanqindi eMpuma Koloni emva kweendaba ezimnandi zokuba uAzinga Fuzile uza kulwa eOrient Theatre. Oku kulandela iminyaka emithathu yonke lo kaFuzile, nowaziwa njengoGolden Boy, engasalweli ekhayeni.

Kumlo okulindeleke ukuba utsale umdla kubalandeli bale mbethimanqindi, uFuzile kulindeleke anyathelane noIshmael Aryeetey waseGhana eOrient Theatre eMonti ngomhla we3 kweyeKhala.

Lo mlo wemijikelo elishumi ngowokuqala kaFuzile ekhayeni emveni kokuba wathi walaliswa ngophotho kumjikelo wesibhozo nguShavkatdzhon Rakhimov waseTajikistan.

OkaFuzile ukwaza kulo mlo emveni kokwahlulwa nguKenichi Ogawa waseJapan.