‘Umanyano aluthethi ukunyamezela ukumosha’

USIHLALO weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi “ukumosha” kwamalungu eANC angasihloniphiyo isikhokelo sephondo, asokuze kunyamezelwe sisigqeba sakhe.

UMabuyane ukuthethe oku ngethuba iANC yephondo ibibambe indibano yokucwangcisa inkqubo yolonyulo lwephondo kwihotele iOsner eMonti kwimpelaveki esiyishiya ngasemva.

“NjengePEC (ikomiti embaxa yeANC ephondweni) sisolulile isandla sethu ngeenjongo zokwenza uxolo kwabo bebeneminqweno eyahlukileyo kwisikhokelo ngethuba le nkomfa.

“Kodwa maqabane mayicace le nto, umanyano aluthethi ukuba kufuneka sinyamezele nokuba siyabona kusenziwa izinto ezigwenxa okanye sikubethe ngoyaba ukumosha,” utshilo uMabuyane.

La mazwi kaMabuyane ajolise kwiqela lamalungu eANC awayexhasa iNkulumbuso uPhumulo Masualle kwiphulo lakhe lokuzigqatsa isihlandlo sesithathu sokuba nguSihlalo weANC.

UMasualle waphulukana nolu gqatso, ebethwa nguMabuyane kwinkomfa eyayibanjelwe eICC, apho kwaliwa khona ze amanye amalungu ashiyeka elujaja ligazi.

Amalinge okuchitha isikhokelo sikaMabuyane aphanzile, emva kokuba iANC kazwelonke igqibe ngelithi iyasigunyazisa esi sikhokelo.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, unobhala weANC ephondweni uLulama Ngcukayitobi uthe: Unobangela wokudibana kwethu kukuba sifuna ukuqinisa zonke izintlu zeANC, ukuze zilungele unyulo lonyaka ozayo.”

“Sisenzile isicwangciso sonyulo lonyaka ozayo njengephondo, ngoku into eseleyo kukuba siye kumanqanaba angezantsi ukuze wonke umntu abekwiphulo lethu lokuzuza iivoti ezithathwe eMpuma Koloni,” utshilo uNgcukayitobi.

UNgcukayitobi ukwathe kungekudala baza kuphengulula igalelo elenziwe ngamalungu abo athunywe kwiPalamente yephondo nekazwelonke.

“Enye into ebesidibene ngayo kukuphengulula umsebenzi wegalelo lamalungu ethu asePalamente, kuba ngenyanga yeKhala sizakube siqala inkqubo yokulungisa uluhlu lwabo bafanele ukuthunyelwa kwiPalamente yephondo nakuzwelonke kunyaka ozayo.

“Phambi konyaka ka2014, kukho izinto esazithembisa abantu bakuthi. Ngoko ke kubalulekile ukujonga ukuba kumaxa siphi na, ukuze sazi ukuba zintoni esisilele kuzo,” kutsho uNgcukayitobi.

UNgcukayitobi uthi bayaqhuba nokuthetha noMasualle ngemiba echaphazela urhulumento lwephondo.

“Siyathetha neNkulumbuso, ngemiba yokutshintshwa kwekhabhinethi yephondo, siyathetha ngemiba ebekufanele ukuba sigxila kuyo ingakumbi xa sithetha ngokusiwa kweenkonzo eluntwini.”