Amathuba engqesho kulutsha eBCM

Usodolophu womasipala ombaxa iBCM uXola Pakati encokola nabantwana kwithala lencwadi eMonti izolo

KubonakaLA ngathi ayavuleka amathuba emisebenzi kubantu abatsha abaphantsi komasipala ombaxa iBuffalo City ingakumbi abo baphakathi kweshumi elinesihlanu ukuya kumashumi amabini anesihlanu eminyaka.

Oku kulandela emva kokuba umbutho ojongene nokuphuhlisa amanina iBumb’ingomso, uHarambe kwakunye nosodolophu weBCM uXola Pakati bathe basungula ngokusesikweni ngoLwesibini iBumb’ingomso Opportunity Hub nelungiselela ulutsha oludinga imisebenzi kwithala leencwadi edolophini eMonti.

Isithethi seBumb’ingomso okwajongene nokucebisa ulutsha uAthenkosi Sopitshi uthi, injongo zabo kukukhwebula ulutsha olujongene nemiceli-mngeni yokuzijula kumadoda amadala anemali kuba beleqa imali nto leyo ibenza babesemngciphekweni wokosuleleka sisifo sika gawulayo.

USopitshi uthi kanti amathuba okuba umntu oyintombazana uyazisebenzela mancinci amathuba okuba axhomekeke, kwaye ukuzisebenzela kwenza nokuba bakwazi ukuzimela.

Umntu omtsha onqwenela ukuba yinxalenye neBumb’ingomso Opportunity Hub angatyelela kwithala leencwadi kungenjalo afune iinkcukacha ezithe vetshe kuFacebook weBumb’ingomso.

USopitshi uthi eyona bayenzayo baqale ngokujonga izithuba kwiivenkile ezithile phambi kokuba bapapashe kubantu abatsha izithuba zomsebenzi.

Bakube befumene izithuba babiza inani elithile liqeqeshwe lingene emsebenzini.

USodolophu waseBCM uXola Pakati ubulele iHarambe kwakunye neBumb’ingomso ngephulo lokuqinisekisa ukuba abantu abatsha bayancediseka kuqeqesho kuba umceli-mngeni ngowokuba abantu abatsha baye bafunwe amava babe bengenawo, ngoku oku kuvala lo nto: “Siyavuya kuba ingxaki esinayo kukunqongophala kwemisebenzi.”