Oogqirha bathi azikho izihlangu zabakhubazekileyo

Izihlangu zabakhubazekileyo

Ukunyamezela behlatywa zingcingo imihla ngemihla abantu abakhubazekileyo abanxiba izihlangu ezenzelwe imeko abajongene nayo nanjengoko ebebezisebenzisa seziphel’amacala, zavele zaphuma intsimbi ebamba umlenze, nalapho isebe lezeMpilo kwaZuluNatal lingade libenzele ezinye.

UZwelithini Kheswa (43) waseHarding noThandeka Dlamini (38) bathi baquqe badinwa ukuya kwisibhedlele saseHarding kunye nakwidolophu yaseMurchison, esibhedlele besithi bayocela izihlangu nalapho oogqirha bavele bakhale ngesayizi ezingekhoyo.

Ngamanye amaxesha ubeve besithi inkampani ibizenza ifake isebe lezempilo ezinkundleni zamatyala, yiyo lo nto isamile ukwenza izihlangu.

Bavakalise ukuba xa bezokuthabatha uhambo kufuneka bajonge baqiniseke ngemo yezulu ukuba ayizokuna kwisinina kuba izihlangu zigcwala amanzi ngaphakathi kubenzima ukuhamba, zibawise phantsi.

“ Ndiqale ukuceli’izihlangu ezitsha ngoEpreli kunyaka ophelileyo kwisibhedlele saseHarding kude kube kungoku zingekafiki. Xa kufike oogqirha abasuka eWentworth abadla ngokusinceda ngezihlangu bavele bathi akukho kwasayizi zethu. Ngamanye amathuba ubeve besithi abalwenzi olo hlobo lwesihlangu, ndijike ndiphind’ ekhaya. Esi ndihamba ngaso sekufana nokuba ndihamba ngonyawo kuba xa ndisinxibile unyawo lubetha phantsi, kufane nokubetha ngezikaTshiwo,” kutsho uThandeka.

Kanti uKheswa yena uthi akasazi uzipetshe, ezithunga kangaphi zixebuka isoli ngaphantsi nocingo ekufuneka libambe umlenze sowuqhawukile. Usigqibela sixinga kanti ngapha koko senza nengxolo.

“Endizibuza kona kukuba sizokuhlala thina singahambi silinde bona okanye kuze kuphele ukumangalelana kwabo ezinkundleni bengasiniki nje izihlangu. Bayazi ukuba asisebenzi siphila ngemali yesibonelelo sikarhulumente ngekhe sikwazi ukuzithengela ziyabiza, yiyo nje le nto bedlala ngathi,” utshilo uZwelithini.

Othethele isebe lezempilo kwaZulu-Natal, uNcumisa Mafunda, uthe ukuncedakala kwabakhubazekileyo ngoncedo lwezihlangu kukhe kwakho uphazamiseko ngezizathu ezijongene nenkampani le ibisakha izihlangu. Uthe ngenxa yengxaki ezithe zavela, sele linyukile nenani labafuna izihlangu.

“ Isebe liyaxolisa kakhulu ngoko kwehlela abantu abakhubazekileyo. Kungoku sesonyule omnye umyili wezihlangu ozokwenza ezi zihlangu futhi. Sinethemba ngokukhawuleza nje lizokwehla inani nezinga labantu abalinde ukuncedwa ngezihlangu,” uyivale ngelo uMafunda.