Umnqa kwinkosikazi eyafunyanwa ibhubhile eVincent Park

Umasipala wesithili iAmathole usichaze njengomnqa isihelegu sokufunyanwa kwenkosikazi ebisebenza kulo masipala ibhubhile kwindawo yokumisa iimoto kudederhu lweevenkile eVincent Park eMonti.

UThandi Mlambo (62) wafunyanwa sele ebhubhile, umzimba useshushu, ebhaqwa ngunogada waseVincent Park ngoLwesine weveki ephelileyo, umhla wamashumi amathathu kwinyanga yeNkanga.

Ngethuba I’solezwe lifika kwindawo yexhwayelo, laxelelwa ngunogada wale ndawo ukuba umzimba kaMlambo wanyengezwa ngumntu okwayinkosikazi.

Lo nogada ukwaxelele I’solezwe ukuba le nkosikazi arhanela ukuba yiyo eyanyengeza lo mzimba angayikhomba.

UManejala waseAmathole uThandekile Mnyimba udlulise amazwi ovelwano kusapho lakwaMlambo.

“Sisothukile kwaye sixhelekile ngokubhubha kukaSis’ Thandi nangohlobo athe wabhubha ngalo. Abakulawulo nabakhokeleyo kwakunye noogxa bakhe emsebenzini badlulisa amazwi ovelwano kusapho lwakhe. Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo,” kutsho uMnyimba, ekwathi bakuhlala bemkhumbula uMlambo.

UMlambo ebehlala eVincent kwaye kuvakala ukuba usebenze ixesha elide kumasipala wase-Amathole.

Lo masipala uthi uzakulindela kwabezomthetho ngenyewe yokubhubha kukaMlambo, watsho ukuchaza njengomnqa ukubhubha kwakhe.

Ngethuba sibhala eli nqaku, bekungekacaci ukuba uzakungcwatywa nini uMlambo.

abongile.ginya@inl.co.za