Umzobi waseMthatha ucela iivoti

Umzobi waseMqhekezweni ephethe umsebenzi wezandla zakhe IMIFANEKISO: Ithunyelwe

Ozenzele igama kwezokuzoba eKapa, uThemba Mkhangeli, oyinzalelwane yaseMqhekezweni eMthatha, uzicelela iivoti kuluntu emva kokungenela ukhuphiswano iBic Ben Art Master apho kwakuthi kuphumelele lowo ubenomzobo othe wafumana iivoti eziliqela ngokuvotelwa luluntu kumnatha wonxibelelwano uFacebook.

UMkhangeli (22) uthi ukuzoba yinto akhule nayo. Uthi waqala eselula ngokweminyaka ngokumane echitha ixesha azobe xa esekhayeni naxa esesikolweni.

UMkhangeli uthi ngabantu abaye bamfakela uxinzelelo emva kokuqaphela italente yakhe ekuzobeni, bamkhuthaza ekubeni makalandele ikhono lakhe lokuzoba nangona nje yena esithi wayengenalo ulwazi lokuba zikhona izikolo eziphuhlisa abazobi.

“Ndandingayazi ukuba yinto efundelwayo enokude ikubeke endaweni, ndandicinga yinkcitha-xesha ukuzoba. Ndikhule ndingumntwana othi akubanexesha, aguqe ngedolo azobe imifanekiso yabantu, kulapho uluntu laqaphela italente endinayo, bendixelela ukuba ndimosha ixesha ngokuyokwenza izibalo esikolweni. Ndancedwa kukuya eNtshona Koloni kwanabantu bendikhuthaza ukuba mandikuyele esikolweni ukuzoba ingabiyinto yokuchitha ixesha,” utshilo uMkhangeli.

Uthi xa enokuthi aphumelele angatsho abenalo nethuba lokuba nendawo eyeyakhe yokusebenzela nanjengoko esebenzela endlwini.

UMkhangeli uthi indawo yaseNyanga ahlala kuyo yenye yeendawo ezihlelelekileyo kwaye enolwaphulo-mthetho oluphezulu, kungoko kungekho lula ukuba umsebenzi wakhe uthengiseke.

Uthi kunzima nokuba abakhenkethi bawubone umsebenzi wakhe kuba besoyikisela ubom babo eNyanga.

Uthi imiboniso yakhe uyibonisa ngokuthi ayise edolophini kwiindawo zobugcisa, kwaye iye ithandwe kunjalo nje ithengwe. Uthi ukhe wangenela kukhuphiswano lwePotrait Sanlam Awards nakwiVuleka Local Artist.

Ukufaka iivoti kuyavalwa ngomhla weshumi elinesihlanu kwiveki ezayo. Xa umvotela uya kuFacebook wakhe, ukhangele igama lakhe, uye kwibhokisi yakhe uvote.

Uvota kubekanye ngosuku uphinde ngolulandelayo.Okwangoku ibisele inguye ohamba phambili kwakhuphisana nabo. UMkhangeli uzoba abakwezopolitiko kuquka nawe onomdla.