Umfundisi ugxothe usapho eCaweni

U-Andile kunye noPhumza Makeleni belali yaseNdevana eQonce abakhutshelwa ngaphandle ngumfundisi umfanekiso: Sithandiwe Velaphi

ISIBINI sakwaMakeleni eNdevana eQonce, esiphila nenkubazeko, sithi asiyazi eyona nto ekhonzwa libandla i-Army of Christ Ministries kuba sele bengcungcutheka nje kungenxa yoMfundisi weli bandla obathukayo ekwafuna baphume baphele kwityotyombe ababelakhe phambi kokuba kwakhiwe icawe.

Bekhutshwa kwityeli lesibini nje kulandela ukukhutshwa kwabo ngenyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka, apho balala phandle neempahla zabo kodwa baphinda babuyela kwityotyombe emva kokungenelela kwamagosa karhulumente.

Endaweni yokujongana nenkubazeko yabo, uPhumza Makeleni (45) nowakwakhe uAndile Makeleni (48) baquqa bebuyelela kwinkundla yaseQonce bezama ukuphikisana nomyalelo wenkokeli yeli bandla uBonginkosi Twalani. Bathi baqale “ukusukelwa” nguTwalani ngo2008.

Bobabini banenkubazeko yokuthetha nzima nto leyo ibangela bavakale nzima komnye umntu. Kwakhona, bobabini, banenkubazeko yokungahambi ngokuqhelekileyo.

Ngokwamaxwebhu awafake enkundleni, lo Mfundisi ufuna ukuba esi sibini siphume kwityotyombe esihlala kulo kufuphi nale tyalike, noxa nje esi sibini sibanga ngelithi le tyalike yakhiwe behlala kweli tyotyombe.

I’solezwe lityelele esi sibini kule veki, apho sifike benxunguphele besithi abasalali behlayo ngenxa yokoyika lo Mfundisi. “Uyasithuka, uyasikwekwa maxa wambi ulinganisa nendlela le sihamba ngayo, ehlekisa ngathi. Kubuhlungu ukukhubazeka,” utshilo uPhumza.

NgoLwesibini uPhumza noAndile bavuke ngentsimbi yesine kusasa bahlamba kuba belungiselela ukuya enkundleni beyokumamela isicelo esitsha esifakwe ngulo Mfundisi ofuna baphume baphele kweli tyotyombe kwakhona.

“Khange ndilale oko ndiphalaza, ndihambisa kuba ndoyika ukukhutshwa ngulo mfo,” utshilo uPhumza, ekwaxelela I’solezwe ukuba bayalelwe ukuba baphindele enkundleni ngomhla wesithandathu kweyoKwindla kunyaka ozayo.

“Sizamile ukulwa nalo mfo, kodwa hayi aside silufumane uncedo. Side sathenga necingo kuba sifuna ukubiyela ityotyombe lethu qha andikaqali ukubiya kuba ndifuna kude ndive iziphumo zenkundla,” kutsho uAndile.

Itshantliziyo kule lali noxhalabileyo yimeko yakwaMakeleni uThando Xothongo, uthi imbi intlalo ehleliwe ngamaxhoba “bexhaphazeka ngathi ayingobantu abakhubazekileyo”.

Xeshikweni sithetha noTwalani wathi le ndawo ihlala la maxhoba yeyakhe kuba wayithenga. Khange awuphendule umnxeba kule veki.