Umnyhadala wokuqala weHip Hop neeHip Hop Awards

Ngomhla weshumi elinanye kule yeNkanga, iKumkani FM isingatnhe umnyhadala wokuqala weHip Hop yaseMpuma-koloni nobidibene neembasa zeHip Hop.

Lo msitho ubusingathwe kwibala iBuffalo City, ubhexeshwa yinzwakazi uEsona, King Rara, Tumi, Tina Sam kunye noRafiki X.

Abantu bebephume ngendlu ukuzovumisa icamagu kulo msitho nto leyo eyenze lo msitho wayimpumelelo kubathandi bophuhliso lwezakhono eMpuma Koloni.

Lo mnyadala uqale ngomboniso weempahla zefashoni apho abathungi beempahla abaphuma kweli phondo nabasakhasayo benikwe iqonga lokubonisa ngomsebenzi wabo. UBulelwa waseDuncan village ubonise ngeempahla zakhe ezikhuthazwe yi-Afrika nezimangalise abo bebebukele. UThulani, waseZiphunzana ubonise ngempahla yakhe eyi #KasiPassword.

Kuvale umyili weempahla zeBoss Lady neeHustler.

Kwicala leembasa, iimvumi zasekuhlaleni ziye zatyunjwa zinconywa nangomsebenzi wazo kumculo weHip Hop. Oku ibikubakhuthaza nokubabonisa ukuba iKumkani FM iwuthathela ingqalelo umsebenzi wabo.

Bekukwakho neBattle Rapping enike abahlali ithuba lokumamela oomrepha bequla ngeentonga zomlomo, kungquzulana khona uAnathi Marangula (Stek) noSibusiso Sotomela (Dark Cloud). Le Battle ibizezo zenyoka nesele njengoko uStek uye woyiswa kumjikelo wesithathu.

Abahalali bonwatyiswe ziimvumi ngeemvumi ebebengafunzi ziyeke ukucula. Eqongeni ibingooSwegga, Simbone, uMdantsane Omtsha, Trapperdons, Lyrical Curse, Miss P, Goga straal, Nasi, Dope squad kunye nezinye. Ukanti bekukho nabadanisi abafana neSuper Bangers kunye neeTwerkers. Ukanti uKweries neqela lakhe bababulale fi abathandi bomculo kweli bala.