UNtuza usungule i-App yeeCab zokhuseleko

Ukuba ungumntu othanda ukusebenzisa iiteksi zabucala (Cab) eMonti kodwa ubungaqinisekanga ngokhuseleko lwakho, thoba amaxhala kuba ngoku kukho uhlobo lweCab entsha ekhuselekileyo othi xa uyifuna uvele ucofe nje i-App kwifowuni yakho ize ngoko nangoko.

Le App ize emva kombono kaNtuthuzelo “Ntuza” Eugene Mfaka ongumnikazi wezithuthi ezibhalwe Eugene’s Executive Shuttle.

Kwezi Cab zintsha, ezizakube zibhalwe “Ntuza”, akuzubakho mfuneko yokufowuna, ungena nje kwiSmartphone sakho, xa sele ufunxe (download) le App, emva koko uyixelele le Cab ukuba uphi. Xa isiza kuwe uyayibona kwi-App yakho, ube ubona nobuso bomqhubi lowo uzayo.

Oko ke luphawu lokuba zikhuselekile ezi Cab. Umsitho wokusungula le App ububanjelwe e-ICC eMonti ngempelaveki. Ziliqela izinto ezifumaneka kule Cab, xa ufuna inkonzo ye-Ambulensi uyakwazi ukungena kwi-App kaNtuza ucele bakufunele i-Ambulensi.

Namapolisa kungokunjalo, ungena kwi-App kaNtuza ukuze bona bakubizele amapolisa. Kukwanjalo naxa wonakalelwe yimoto.

UNtuza uthi uzakuthethana neenkosi, ukuze amakhankatha abenayo le App ukuze bakwazi ukuhlangula, okanye beze ne-Ambulensi kwanamapolisa, xa kukho ingxaki ebakhwetheni.

“Le App iphicothiwe kuba ithathe into engangonyaka icetywa kungoko ikudidi oluphezulu,” utshilo uNtuza.

Obambele njengenkumanda kumapolisa aseMonti, Colonel Jongisizwe Manyisani, uthe lo ngumbono omhle kakhulu, ozakuncedisana nabo bengamapolisa ekulweni ulwaphulo-mthetho.

UNtuza uqikelela ukuba ingaqala ngomhla wokuqala kwinyanga yoMnga nanjengoko kulindele ukuba kwiveki ezayo kuqeqeshwe abaqhubi beNtuza Cab. KwiNtuzaCab kuzakuncedalakala abo bane app kuphela wena ungenayo awukwazi nokuba ungafowuna. IKhilomitha yiR8,(iiponti ezine) into ethetha ukuba iiKhilomitha ezintlanu yiR40, iikhilomitha ezilishumi yiR80.

Ezi Cab zikaNtuza zizakusebenza imini nobusuku. UNtuza uthi le App iyafumaneka nakumanye amazwe afana neDubai.