ANC: Ukhetha icephe elitsha okanye elidala?

Kwindlela esuka kwisikhululo seenqwelo-moya saseMonti, ngoLwesibini, sibuliswe ngamaqweqwe athi “Namkelekile kwinkomfa yesibhozo yeANC ephondweni!” Kulapho siqonde khona ukuba inene, akusekho kujika, igalelekile.

Kwiphepha lesine kweli uliphetheyo uyakufunda banzi ngesikulindeleyo kule nkomfa.

Umbutho lo ulawulayo uziingceba eMpuma Koloni; abantu bajongene ngezikhondo zamehlo ngenxa yokhuphiswano lwezikhundla. Xa imeko injalo kuye kujongwe kwiinkokeli zalo mbutho. Zenze ntoni ukunqanda oko?

UMasualle ebenokunqanda ngokuthi angazigqatsi okwesithathu njengosihlalo we-ANC ephondweni. Abantu ababambelela ezikhundleni idla ngokuba ngamasela.

Asimazi elilo ke yena. Eyakhe indima uyidlalile kwaye unalo nethuba lokuya epalamente okanye ahlale kweli phondo ukuba uziva esafuna ukusebenzela abantu bakowabo.

Ukuhlala kwakhe njengenkulumbuso kwakuyibambezela iMpuma Koloni ngoba phantsi kwakhe ubuqhophololo budlangile nokurhuqa iinyawo kwabasebenzi bakarhulumente abesebenza ngokuzithandela kukhulile. Eli phondo lifuna umntu ongengomaveletshona. UMasualle makanyukele ngasentla.

Kwelinye icala ibe nguOscar Mabuyane obenguNobhala weANC aph’ eMpuma Koloni amatyeli amabini ukusuka ngo2009 ukuza kulo nyaka. Ubonakala engumntu othanda ubumbano futhi ovulelekileyo kumalungu eANC.

KuFacebook uyaphendula xa ebuzwa imibuzo kwinto ayibhalileyo, futhi kuyaqapheleka ukuba uyithiyile iyantlukwano. Xa ke enjalo, ngubani umntu onokuthi akakulungelanga ukukhokela iphondo embuthweni.

UMabuyane usemtsha ngokweminyaka, into esoloko ibabazwa ngelithi iingxaki zeyantlukwano nobuqhophololo obudyobhe iANC bufuna umntu owulungeleyo lo mngeni – umntu omtsha.

Kodwa sonke siyayazi ukuba ukunikwa amandla obunganga buza nobucukubhede babo, obunokubangela ubani abekwe ityheneba lokungakwazi ukuthatha izigqibo ngethuba elifanelekileyo.

Kuko konke oku kufuneka siqaphele ukuba iMpuma Koloni ayisokuze ilunge ukuba abemmi bayo abathathi nxaxheba kulawulo lwephondo.

Nokuba konyulwe eyiphi inkokeli kule nkomfa, ulawulo kufuneka lona lusoloko luqhutywa ngokweemfuno zabantu kuqala.