Iphi iAfriforum yabantsundu?

Kula ncwadi iteke-teke lisiko nemveli kaXhosa, Ingqumbo yeMinyanya, iphepha ezantsi lelama-33, ngokubhalwe ngubawo uAC Jordan, umlinganiswa onguMphuthumi nozotywe waneempawu zokucebisa, ukulamla nokuhlanganisa imihlambi eyalanayo, uthetha enjenje: “Yaphel’ imihlambi kaZanemvula zizandawana namaxhwili, kaz’uhlel’aph’anj’uthi yaluswa yintengu na!”

Ngala mazwi uMphuthumi uyala kwaye ukhuthaza uZwelinzima nongunyana kankosi uZanemvula ukuba makabuyele ekhaya, aye kuphatha isizwe sakowabo, aye kuzinzisa uxolo, azise nokhanyo kwisizwe samaMpondomise esambethwe lishwangusha lelifu elimnyama, ulawulo lwenkohlakalo nendlala.

Ngokwenza oku, uMphuthumi uyaqinisekisa ukuba isizwe sooNgwanya siya kuba nomthetheleli. Kwilizwe loMzantsi Afrika kukho mbutho uthile undoyikisayo nangona ukhangeleka ngathi wenza okuhle.

Mawethu ulwimi lwesi-Afrikansi linomthetheleli, amasiko nemo-ntlalo yabo bantetho isisi-Afrikansi anomthetheli, umthetheleli obizwa nge-Afriforum.

Kutsha nje sisanda kurhatyuliswa umbandela wokuba umama uGrace Mugabe, noyinkosikazi kamongameli welizwe laseZimbabwe ubawo uRobert Mugabe, ubekwa ityala lokuhlasela ngezigalo inenekazi elinguGabriella Engels nelivakala lintetho isisi-Afrikansi.

Kusenjalo, umphathiswa wezobulungisa uFikile Mbalula uveze uluvo lokuba ngenxa yezinga likamama uMugabe, nangenxa yobudlelwane phakathi kwamazwe ngamazwe, kumele umcimbi wokubekwa ityala kukamama uMugabe unikwe ingqwalasela kwaye usingathwe njengomcimbi ohamba noxolelo lozakuzo (diplomatic pardon).

Zithe zakuvakala ezi ndaba ziphuma kwimizi yosasazo yeloMzantsi Afrika, wahlokoma ngoko nangoko umbutho we-Afriforum, umelwe ngulowo wayesakuba ngumtshutshisi weNkundla ePhakamileyo, uGerrie Nel.

Lo mtshutshisi ulibeke lacaca elokuba baza kulwa kusiphuke izicithi, baxolele ukwenza nantoni na esemandleni ukuze uGrace Mugabe abekwe ityala kwaye ahambe indlela ehanjwa ngabaninzi abophule umthetho njengaye.

Ikho into endixelelayo ukuba lo mbutho uza kulithethelela elo nenekazi lixhatshazwe ngokaMugabe kwaye ekwenzeni oko uza kuphumelela. Ikho into endixelelayo ukuba eli qela le-Afriforum liza kumphikisa umphathiswa uMbalula kunjalo nje liza kuphumelela ekwenzeni oko.

Eyona nto ibuhlungu entliziyweni yam nedandathekisa umphefumlo yeyokuba bambi kwigcuntswana labantu abantetho isisi-Afrikansi, bantu abo babephila ubomi bokukhuselwa, ukuthethelelwa, ukuhlonitshwa nokuba nelungelo lokuba norhulumente owayecinezela engcikiva iintlanga ezintsundu, baphinde nangoku sekulawula urhulumente wesininzi nokhokelwa ngumbutho onabantu abaninzi abantsundu, bambi kwelo gcuntswana lama-Afrikaner libe nombutho olwela amalungelo abo.

Kuyo yonke le ngxuba-kaxaka yendindi umntu ontsundu ulwelwa ngubani yena kanye-kanye? Bangaphi na bantu bakuthi abantu abantsundu abakhe baxhatshazwa, bambi babulawa kabuhlungu ngabantu basemzini, kungakhange kuvele mntu okanye mbutho wokubathethelela nonokuqinisekisa ukuba abo baxhaphazi bayavalelwa esiseleni?

Ingaba i-Afriforum ibiza kukhalima kungenjalo ifake isimangalo ukuba umama uGrace Mugabe ebedlakazelise inenekazi elintsundu? Ingaba i-Afriforum ibiza kuphakama ihlome ihlasele kwaye ikhalime ukuba inenekazi elimhlophe okanye umntu omhlophe ebephethe gadalala inenekazi elintsundu? Ndibuza ndiziphendula ndixakwe yeyokosa!

Ukuba bubunyani amanakani am okuba lo mbutho umele uhlanga oluthile kuphela, ingaba ngenene sikwilizwe ledemokhrasi? Ingaba ngenene sikwilizwe lobusi namasi? Siphi kanti mawethu? SiseSuid Afrika; eSouth Africa okanye eMzantsi Afrika? Ngoobani kanye-kanye abona bantu banelungelo lokulawula eli lizwe?

Ngoobani kanti abona bantu bangabanini beli lizwe? Ingaba ayalingana ngenene amalungelo abo bonke abemi beli lizwe? Ingathi ndakujonga ukuba xa uthetha uthi ungowaseSuid Afrika, ungoyena uthamsanqelekileyo ukogqitha abo bathi kuseMzantsi Afrika kweli lizwe.

Khanimamele ndinityele iindaba ezi magwalandini asoloko eqhayisa ngokuthetha, ukurhwaphiliza, ukungathethelelani, ukungaxabisani nangokungaxhasani! Ngoobani abanomhlaba omninzi kweli lizwe? Ngoobani abangabanini bobutyebi kweli lizwe? Zeziphi ezona lwimi zisetyenziswa ngaphezu kwezinye eburhulumenteni, kwezemfundo, kwezomthetho, nakumanye amaSebe ombuso kweli lizwe?

Ukuba xa uthetha uthi ungowaseMzantsi Afrika kwaye untsundu, elam lithi awunamthetheleli, elam lithi ungumpha ochutywe walahlwa, elam lithi usisicaka esixhwalekileyo , esihluphekileyo nesingenanto ilixabiso kwizwe lokuzalwa.

Nguwe ke lowo mzi ontsundu kuba wena waphelelwa kukuba ngumntu onesidima mhla wahluthwa umhlaba namhla watshabalalisa imfuyo. Njengangoku umi ecaleni kwendlela usakhangela umsebenzi endaweni yokuzisebenza uziphilise.

Uxolela ukushiya ikhaya linesithabazi somhlaba onokuwulima, usuke uye kusebenzela imali ephelela emoyeni kwizwe elingelolakho.

Nguwe kuphela mzi ontsundu ohlala emikhukwini engasokuze ibonwe njengemeko yokuhlala enokulufanela uhlanga lwasemzini. Maze singawalibali amazwi achanekileyo omphathiswa uJeff Radebe xa esithi, “xa kuthethwa ngendlala, intswela-ngqesho, ukugxagxanyiswa kwamanina, ukungaxhasani nokuhlala ngokuxineneyo, kuthethwa ngomntu ontsundu.”

Lilonke ke mawethu, amazwi kaMphuthumi kwiNgqumbo yeminyanya amele ukubhekiswa kurhulumente wethu, urhulumente ovotelwe sisininzi: “Lwafa, lwabhanga uhlanga oluntsundu kwizwe lokuzalwa ukho rhulumente wethu, nikho mibutho eyayifudula isilwela amalungelo omntu ontsudu. Kutheni kusuke kwathuleka kangaka nikho? Xa singathethelelwa nini sakuthethelelwa ngubani na?”