Umdlalo Weqonga: Buzani Kubawo

Ukubanebala likantsho; Sisaci esi esisetyenziswe nguNkosi Phathekile Holomisa kwinqaku lomhla we13-19 kweyeKhala. Intsingiselo; apha kubhekiswa kumntu onento ebalaseleyo kwindalo yakhe nathi aziwe ngayo.

Ukubekela entloko mandenjenje; ibe nguwashiywa nowashiywa kugxalathelwana ingulo umntu efuna ukuzibonela umdlalo weqonga othi Buzani Kubawo. 

Uhlobo ebekuzele ngalo eArtscape Theatre ngomhla we-19 kweyeKhala, ibonisile ukuba abantu banonxano nentshisakalo yokubukela imidlalo yesiXhosa. Xa bendithetha noThandolwethu Mzembe nobedlala umlinganiswa onguGugulethu, uvakalise ukunqaba kwemidlalo edlalwa ngesiXhosa. Kuye ibelithamsanqa ukuzifumana eyinxalenye yalo mdlalo, nothe ibaluncedo nanjengoko ibakhulisa icela umngeni kananjalo wokuba baziqhelanise nolwimi lweenkobe. Lo mdlalo usekelezelwe kwincwadi kaW.K. Tamsanqa ethi Buzani Kubawo. 

Le ncwadi yathi yaveliswa ze yapapashwa ngowe1958 ngabakwaOxford University Press. Abantu babonakalise ukuxola liqondo eliphakamileyo kubadlali bawo, kunjalonje baphume bekholiwe. Bebeyakuthini ukuphuma bethe mekenxe ludano, besakugqiba ukubukela umdlalo obukhokelwa ligqala kwezeqonga uThoko Ntshinga nowayesaziwa njengoJoice kumdlalo kamabonakude wakudala, uVelaphi. 

Lo mdlalo umumethe umyalezo ontlantlo mbini; ukhuthaza ukumanyelwa kwabazali ngabantwana. Ukanti kwelinye icala ukhuthaza abazali ukwamkela ixesha elingafaniyo nelo lakuqala. UThulisa Mayaphi noyinzalelwana yaphaya kuGatyana uphakamise umba wolwimi lombhali ebelithande ukwahluka kolu aluqhelileyo. Izagwelo ezisetyenziswe ngumbhali zithande ukumnika ubunzima ngelinye ixesha ekuqondeni intsingiselo ngqo. Inkomo enotshobo ayinqandwa, eli qhalo liyamfanela uZwilakhe, uGugulethu noNomampondomise. Bonke abazange baphulaphule ukuboniswa ngabo bakufuphi nabo. UZwilakhe wankaniza eboniswa ngamawabo ukuguquka kwamaxesha, yena eme ngesiko elophulwayo. Hee, lisiko elitheni lona eli lingangqinwayo ngabantakwenu? Hayi suka, iinkani! Ukanti uGugulethu utyeshele ilizwi likaZwilakhe lokwamkela umfazi embonelwe. Yena uNomampondomise walitshikilela izwi labazali bakhe wakhupha iinkomo sele zimlobole. Ithini na kanene le nto, akusthiwo na kanene ukuba umzali akasoze akulahlekise? Ke xa kunjalo uThobeka yena mntwana wathobekayo wabaphulaphula abakhe abazali, ubomi bakhe bubenjani? Andithi kaloku ngulo uphela ebulawa emsulwa. Buphi ke kanye ubulumko? Ewe, nam bendisoloko ndibuza ndisithi, kuye kuthini ukuba abantwana bangaqondi ukuba bayokhiwa abachithwa ngabazali! Ziinkani ezisuka zivelaphi na ezi? Kona xa kusithiwa amaxesha ngamanye akuxokwa. Kube njani ke kwaZwilakhe esakungafuni kuyiqonda loo nto? 

Lo mdlalo wenziwe wazirhwebesha iimvakalelo zababukeli, ubuyibona intswahla yezandla, uweva amakhwelo nemiyeyezelo besakuba bekholiwe ngumboniso othile. Mandingqinelane noAwethu Hleli, obedlala uNomampondomise, ovakalise ukuba lo mdlalo ufundisa ukuba, phantsi kwazo naziphi na iimeko, uthando luyagqibela. Ukuthethe oku ebhekisele kumlinganiswa onguNomampondomise othe phambi kokuzibulala, wacela uGugulethu osisithandwa sakhe ukuba amange. Kananjalo noGugulethu oxolele ukujinga entanjeni ngenxa yothando olungenamlinganiselo. 

Nangona umdlalo ubunokushunqulwa kwezinye iindawo, wona umongo nengxam yomyalezo ushiyeke uselubala. 

Abadlali bakuncomile ukusebenzisana noThoko Ntshinga, abathi ubenza bazive bekhululekile lonke ixesha xa bezilolonga.
Owenu kusiba noncwadi lwesiXhosa!