‘Ubhubhe ngenxa kaSASSA uSivenathi’

Ubhubhele esibhedlele eBhisho uSivenathi Ndabandini waseBorder Post obephila nenkubazeko yokufa amalungu omzimba, emva kokujijisana nabakwaSASSA, becime isibonelelo sakhe senkubazeko.

Phambi kokugula kwakhe ugqibe iinyanga ezilishumi elinesithathu engasifumani isibonelelo sakhe senkubazeko, kusithwa sacinywa yi-arhente ejongene nezibonelelo kweli eQonce.

Emva kokungenelela kweSouth African Human Rights Centre eQonce, uSASSA unike uSivenathi imali yeenyanga ezimbini ekuqaleni kwale nyanga yeKhala.

Ngenxa yokuvalwa kwesibonelelo sakhe senkubazeko, uSivenathi ebengakwazi kuya kwagqirha, ukuthenga amayeza, nkqu nokutya okuya esiswini.

Umalume kaSivenathi, uBernett Ndabandini, uthethe neli phephandaba ngenyanga kaCanzibe wathi:

“Inzima le nto, kudala sihamba sifuna ukuba kuvuselelwe esi sibonelelo salo mntwana, asisazi thina nesizathu, ngoku uSivenathi nomama wakhe baxhomekeke kum,” wathetha watsho uNdabandini.

Ukuqesha iimoto zokuhambisa uSivenathi ibingumvandedwa ongathethekiyo kunina nomalume wakhe ngenxa yokuba imali ibingekho, oku kubangele ukuba yophuke mpela impilo yakhe.

Ngenxa yentswelo kwikhaya likaSivenathi, inkonzo yakhe yomngcwabo izakubanjelwa kwityotyombe ebelikuphela kwekhaya lakhe.

Ngethuba lifika kweli khaya eli phephandaba, abahlali abangabamelwane bebexakeke belungiselela umngcwabo kaSivenathi.

Indlala ngoyena nobangela wokugula kukaSivenathi kuba ebehlala ehleli yedwa, engakwazi kuzenzela nto nangona ke nokutya oko bekungabonakali ngemehlo apho ekhayeni.

Emva kokupapasha inqaku elingemeko kaSivenathi, igosa lesebe lentlalontle eMpuma Koloni, nelingazange livume negama lalo, lathembisa ukuba umphathiswa uNancy Sihlwayi uzakwenza into ngemeko kaSivenathi ngenyanga kaCanzibe ngoko.

Ukanti oku kwangqinwa ngusomlomo womasipala wase-Amahlathi uNokuzola Mlahleki, esithi bakuthethwano noSASSA kunye nesebe lentlalontle.

“Sizakunibiza kwamsinyane nje, uzakwakhelwa indawo yokuhlala yethutyana ukuze kamva afumane indlu, isibonelelo sakhe naso uzakusifumana,” watsho uMlahleki.

Ude wabhubha uSivenathi indlu yethutyana ingakhiwanga, isibonelelo seenyanga ezilishumi elinambini engasifumenanga, koko efumene eseenyanga ezimbini emva kokulinda unyaka wonke engamnkeli.

UMatshaya Maki wakwaSouth African Human Rights Centre, uthi baxakene namanani aphezulu wabantu abanjengoSivenathi abacinyelwa izibonelelo ngondlela-mnyama nguSASSA eMpuma Koloni.

“USivenathi ubhubha ndijijisana noSASSA waseQonce malunga nesibonelelo sakhe, kuqala ndilwele ukuba kuvuselelwe isibonelelo sakhe senkubazeko, emva kokujikeleziswa wade wayifumana imali yeenyanga ezimbini kuphela, kodwa iinyanga angazipeyanga zilishumi elinesibini, ubhubha kusandula kuphuma loo mali,” uthethe watsho uMaki.

Othethe egameni lekhaya nokwangudade boSivenathi, uNikiwe Ndabandini, uthi kunzima kwela khaya kodwa bazakumngcwaba uSivenathi.

“Sincedwe ngumalume ukuze sikwazi ukuthenga ibhokisi, akukho hlobo loncedo silufumeneyo, asikwazi nokutyisa abantu kuba le mali yakhe yeenyanga ezimbini ifike sinamatyala ngenxa yokungaphumi kwemali yakhe,” utshilo uNikiwe.