Bantinga ngophuhliso nengqiqo kuQoboqobo

Igadi yamafama asakhasayo apho kukwaphehlwa nombane ngobulongwe eNgqeqe eRhabhula kuQoboqobo UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UBOMI babantu basezilalini bakuzinza xa benezakhono zokuziphuhlisa futhi benolwazi oluthe gabalala kwiinkqubo zentatho-nxaxheba kwidemokhrasi yoMzantsi Afrika.

Le yinto ebekufanele ukuba ikhokelwe ngurhulumente wentando yesininzi ezilalini kodwa ngelishwa akwenzeki ngehlobo ebekufanele ukuba kwenzeka ngalo.

Kungesosizathu kanye esaba ngunobangela wokusekwa kombutho ongenanto yakwenza norhulumente iNtinga Ntaba kaNdoda ezinze kwilali yaseNgqeqe kuQoboqobo. INtinga Ntaba kaNdoda iziqhayisa njengokuba ingumbutho owasekwa ngabahlali ngeenjongo zokuxhamlisa abahlali.

INtinga Ntaba kaNdoda isekwe ngonyaka ka2002 kwaye sithetha nje ijongene neelali ezilishumi elinesibhozo kummandla wakuQoboqobo. Ezi lali ziquka iNgqumeya, Rhabhula, Zanyokhwe, Debe noMkhubiso. Ethetha nephephandaba I’solezwe eNgqeqe, kwisiza esinguronta owakhiwe ngamalungu alo mbutho, uDaluxolo Matanzima – ongumanejala ojongene necandelo lamafa, ezokhenketho ubugcisa nenkcubeko kwiNtinga Ntaba kaNdoda – uthi baneqhayiya ngabakwenzele uluntu lweelali abasebenza kuzo.

“KwiNtinga Ntaba kaNdoda sikholelwa ukuba ukuze uluntu lakuthi luphuhle, kufuneka kubekho izakhono kuqala. Sinamaphulo asekelezelwe kuphuhliso lwentlalo yoluntu.

“La maphulo aquka ukuqinisekisa ngemfundo esemgangathweni kubantwana basezilalini eziphantsi kweendawo apho ifikelela khona iNtinga. Ukuqinisekisa oko, sisebenzisana namaziko emfundo ephakamileyo afana neRhodes, Fort Hare, iUCT neWits,” utshilo uMatanzima. Lo kaMatanzima wenze umzekelo ngeRhabhula Senior Secondary kuQoboqobo, athi bayihlangule ikwizinga elibi lokuphumelela kwabafundi bebanga leshumi ngo2012. “Ngonyaka ka2012, iRhabhula yayikwizinga lomyinge wesihlanu ekhulwini (5%) wabantwana abaphumelele uGrade 12, sangenelela ze yafumana * -73% ngo2013. “Ngelishwa kwangenela ipolitiki esikolweni nto leyo eyabangela ukuba sirhoxe, apho kwabangela ukuba kungabikho namnye umfundi ophumeleleyo ngo2014, saphinda futhi sangenelela nto leyo ethe yabangela ukuba sifumane * -65% kunyaka ophelileyo isikolo,” utshilo uMatanzima.

Enye yeenkqubo zeNtinga ijongene ncakasana nolutsha kwaye ibizwa ukuba yiNtingani Lutsha. KwiNtingani Lutsha, abantu abatsha bafundiswa ngeenkqubo zokuguqula iimpilo zabo logama bekwazibandakanya kwezemidlalo. UMatanzima uthi ngokusebenzisana neCo-operative and Policy Alternative Center (COPAC) ezinze ePitoli, bakwazile ukunceda amafama aliqela kuQoboqobo ngezakhono zokuqweba amaqhinga amatsha okuzinzisa oko bakulimayo. Uthi amafama aliqela kwezi lali abhalise iindibanisela ngoncedo lweCOPAC. “Enye yezinto esizikhuthazayo, kukuba xa kulinywayo masizikhulisele izityalo zethu ngaphandle kwezi zichumisi zimosha indalo,” kutsho uMatanzima.

INtinga Ntaba kaNdoda ikholelwa ukuba abantu kufuneka bayithabathe inxaxheba kwidemokhrasi yelizwe labo ukuze bazokukwazi ukuhlela ukuba ingaba iinkonzo eziza kubo zifanelekile kusini na.

“Abantu kufuneka bawazi umgaqo-siseko, khon’ ukuze bazowazi amanyathelo ekufanele ukuba bawalandele xa kungahambi kakuhle ekuhlaleni,” utshilo uMatanzima.

Ngoncedo lwe-arhente yophuhliso lwamaphande eMpuma Koloni (Eastern Cape Rural Development Agency), iNtinga Ntaba kaNdoda inezixhobo zokuphehla umbane isebenzisa inkunkuma nobulongwe. Ngalo mbane, ophehlwa kwakule lali, lo mbutho uyakwazi ukupheka ukutya. Kukho izicwangciso zokuba lo mbane ufanele ukuxhamlisa imizi nokuba ilishumi kwezi lali njengesiqalo.

Njengawo nawuphi na umbutho oqhutywa yintshisakalo yabahlali, iNtinga iswel’ iintsiba (imali), ngoko ke ibingathanda ukuba abo banokuphosa esivivaneni benze njalo.