Ijaji ixhome ibhatyi ngenxa kaFacebook

Jaji Mabel Jansen

Ijaji yenkundla ephakamileyo yasePitoli, enguMabel Jansen, ixhome ibhatyi emva kokurhuqelwa kwiKomishini yeeNkonzo zoLuleko yeli.

Oku kulandela izibhalo zayo zakuFacebook koka-2016, apho wathi umyinge opha kwi-99% yamatyala aza phambi kwakhe “ngawootata/malume/bhuti abamnyama abadlwengula abantwana abancinci.” Waqhuba, xeshikweni esilwa nomdidiyeli wemiboniso bhanya-bhanya onguGillian Schutte kuFacebook wathi: “Ufuna ukufunda iifayili zam: kukudlwengula, kukudlwengula, kukudlwengula, kukudlwengula, kukudlwengula, kukudlwengulwa kwabantwana ngamalungu osapho olumnyama. Ayipheli.”

UJansen waqhuba wathi, ngomyalezo wabucala kuSchutte kwakuFacebook: “Umfazi wenzelwe ukonwabisa indoda qha kwinkcubeko yabamnyama” esongeza ukuba amadoda amnyama akhulisa oonyana abazizidlwengu ngokubafundisa ukuba banelungelo lokuchitha isithukuthezi bedlwengula abantwana nabafazi.

OkaSchutte, otshate nendoda emnyama nokwadume ngokuthi bonke bengabantu abamhlophe banocalucalulo, zange azamkele konke konke ezi zimvo zikaJansen kuFacebook. Waqonda ukuba makazidize esidlangalaleni ukuze izwe lonke lizibonele ukuba le jaji icinga ntoni ngabantu abamnyama.

UJaji Jansen lo bekulindeleke avele kule Komishini yeeNkonzo zoLuleko, apho isikhalazo ngakuye besizakugocagocwa ngamagosa abekekileyo. 

Ukulahla kwakhe njengejaji kweli kwakusindisa le komishini kumthwalo wesisikhalazo.

Kuvakala ukuba uJansen ubhalele uMongameli Zuma kunye nomphathiswa wezoLuleko nezobuLungisa, uMichael Masutha, esithi ucela ukwehla ngokonangoko kwisikhundla sakhe sokuba yijaji kweli.

UMasutha usamkele isicelo sakhe.