Inkcazelo Yamaphupha

Iphupha: NDICELA UKUTYHILELWA ELI PHUPHA, NDISELWANDLE PHAKATHI EMANZINI, NDICHOLE IGOLIDE, KUBEKHO UMNTU ACELE UKUYIBONA, XA eYIFUNA UMNIKA ENYE INTO ENGEYIYO AKHUPHE AMEHLO UKUZE AYIFUMANE.

Impendulo:Camagu, wena unechaphaza lobizo, kwaye abantu abakuphileyo bapha emanzini. Zama ke ukudibana nomntu onamava kulo mcimbi ukuze akubonise ngekumele ukwenze.

Iphupha: NDANDINETSHOMI ENDANDIHLALA NAYO EGOLI. NDAMANE NDIMPHUPHA KUMNANDI KUNGEKHO NTO. INTO ENDENZE IXHALA NDIMPHUPHE KADE KWAKAHLANU. XA NDIFOWUNELA INTOMBI AWAYENCUMA NAYO ITHI WASWELEKA & KUDALA BENDIFUNA BALAHLEKELWA ZINOMBOLO ZAM. LITHETHA NTONI ELI PHUPHA?

Impendulo: Kuxhomekeka kwinto omphuphe eyenza yena umhlobo lowo. Ukanti kungenzeka ukuba ekhayeni lakhe akazange wenzelwa kwanto okanye ukhona lo mcimbi awufunayo okanye kukho nto azama ukubalumkisa kuyo, qha abamameli, okanye bakwenye inkolo kungoko umhlobo wakho ongasekhoyo esebenzisa wena ukuba uthethe nabo. Yenza njalo ke.

Iphupha: Mna ndiphupha ndiselwandle (Eastern Beach, eMonti) nomama ongum-ST JOHNS, kodwa enxibe imithika yakhe yobugqirha. Ndandizakwenza intathabhekile ekhaya kwinyanga ezayo. Elesibini, ndiphupha izulu lisizisa kakubi kutsawuza imibane, ndithi ndisajongile kuvele inkunzi yengonyama ingqengqe ngesisu ijonge apha kum, ndothuka.

Impendulo: Yindaba yobizo kaloku leyo mntomdala. Wena lawulela lowo ukunyangayo uzokwazi ekumele akwenze. Kuyacaca kwanjalo ukuba apha kuwe kukho nomoya wobuthandazeli. Camagu!

Iphupha: Molweni, mna ndiphupha amagqirha, gqiba andityise isnayi kuthwe nanku umntu ogulayo apha kwaye andibazi aba bantu.

Impendulo: Vuma intwaso mntakwethu. Ilula injalo eyam impendulo.

Iphupha: Ndiphupha ndihleli emthini. Elinye ndiphupha umkhuluwa katata ongasekhoyo esithi mandimboleke iR100. Elinye, ndiphupha amangcwaba omkhulu esentlanjeni ndiwalungisa ndawabiyela. Camagu!

Impendulo: Vuselela ikhaya lakho mntakwethu, wenze konke okubonisiweyo kuquka nokuvusa amanxiwa nemisebenzi yesintu. Camagu!

Iphupha: Mhlekazi ndingumfazi, nditshatile isiXhosa nakwamantyi, ndiphupha ndifakwa umsesane ngumfana endingamaziyo, ndavuma.

Impendulo: Ikhona ingxaki sisi ngomtshato lowo wakho, ukanti khawukhe ungcambazise notata wekhaya ngemvelaphi yakhe kuba kungenzeka kukho nto inidibanisayo. Libonisa into efuna ingqwalasela kumakhaya enu omabini.

Iphupha: Camagu. Ndiphupha ndisela idrink kanti inempukane, ndiyiva seyisemqaleni ingathi ndiyakhohlela ephupheni ndizama ukuyikhupha, ndasuka ndothuka. Ingaba lithini eli phupha?

Impendulo: Camagu. Kuyacaca ukuba ngexesha ulele ubimbilize into engahlambulukanga, zikhucule ke ngokuthi usebenzise indlela zesintu ezizakususa lo nto phambi kokuba ibe nobuzaza empilweni yakho.

Iphupha: Camagu. Ndiphuphe udade wethu elele emva kwecango, siyancokola. Athi mntase, ndiyagodola ndombathise ngengubo eshushu, ndiyithathe ndimombathise. Elesibini, ndiphupha kugcwele ngamanzi aklini apha endlini alithethi impumelelo eli phupha?

Impendulo: Ukuba udade wenu ngumntu osaphilayo oku kungachaza ukuba uzakudodobala ngasempilweni, ukanti engumntu osele engasekho oku kunokuchaza ukuba kukho msebenzi awufunayo phakathi kwekhaya ingakumbi ngokunxulumene nesithethe sokukhapha abo base belandulele eli. Amanzi lawo ekhayeni achaza imeko yogutyulo ekufuneka yenziwe ekhayeni ukulungisa iimeko zenu zokuhlala, oku kuquka nokuqwalasela iminqweno yabo balele ukuthula.

Iphupha: Ndiphuphe udade wam ongasekhoyo, ingathi uthi mandihambe siyokubona ifamily yethu kwenye ilali, sahamba kodwa sithe sisendleleni, mna ndaxabana naye ngoba andifuni ukuhamba ndajika endleleni.Liyandikhathaza eli phupha ngoba kokwesithathu efika emathongweni efuna ukuhamba nam.

Impendulo: Umbuzo ingaba uyaphi nawe? Ewe ndivumele nditsho ukuba eneneni uzakude ahambe nawe xa unenkani ungafuni ukulungisa izinto ezijongane nawe ekhayeni. Kuyacaca ukuba kukho imisebenzi emininzi eliqela eningayiniki ngqalelo, ngoku izihlwele zenu sele kukufutshane zikhalale. Camagu!

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye usithumelele iphupha lakho kumnxeba ka

Whatsapp wethu: 063 743 9538